| ← Philippians (3/4) → | 
| 1. | Elokugqiba, bazalwana bam, vuyani niseNkosini. Ukunibhalela kwaezo zinto akunqenekile okunene kum, ke nina kuyaninqabisa. | 
| 2. | Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo. | 
| 3. | Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama; | 
| 4. | nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna: | 
| 5. | ndalukayo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, umHebhere wamaHebhere, ngokomthetho ndingumFarisi, | 
| 6. | ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka. | 
| 7. | Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu. | 
| 8. | Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, | 
| 9. | ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo; | 
| 10. | ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe; | 
| 11. | ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo. | 
| 12. | Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakuganga na nokukuganga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu. | 
| 13. | Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, | 
| 14. | ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu. | 
| 15. | Ngoko masithi, ngangoko singako thina bagqibeleleyo, sicinge oko; kanjalo ukuba nicinga into ngokukumbi, uThixo wonityhilela naleyo. | 
| 16. | Noko ke, apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye. | 
| 17. | Yibani ngabaxelisa mna, bazalwana, nixunele kubo abahamba ngokunjalo, njengokuba ninomfuziselo, thina aba ke. | 
| 18. | Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu; | 
| 19. | abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba. | 
| 20. | Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; | 
| 21. | eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto. | 
| ← Philippians (3/4) → |