Philemon (1/1) |
1. | UPawulos, umbanjwa kaKristu Yesu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon oyintanda, osebenzisana nathi, |
2. | noApiya isithandanekazi sethu, noArkipo umphumi-mkhosi nathi, nebandla elisendlwini yakho; |
3. | bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
4. | Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam, |
5. | ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele, |
6. | ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu. |
7. | Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana. |
8. | Kungoko endithi, nakuba ndinako ukungafihlisi okukhulu kuKristu, kokuba ndikuthethele okufanelekileyo, |
9. | noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu. |
10. | Ndikubongoza ngenxa yomntwana wam, uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni; |
11. | obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum unoncedo oluhle. |
12. | Lowo ndimbuyisele kuwe; wena ke mamkele, oko kukuthi, yamkela izibilini zam; |
13. | ebendinga mna ndingasendihlala naye apha, ukuze athi endaweni yakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi; |
14. | kodwa andithandanga kwenza nto, ungatshongo wena, ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma. |
15. | Kuba mhlawumbi wahlukaniswa umzuzwana nawe ngenxa yoku, ukuze umzuze ngokwaphakade; |
16. | engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi? |
17. | Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam. |
18. | Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum. |
19. | Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho. |
20. | Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini. |
21. | Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba uya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo. |
22. | Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa. |
23. | Uyakubulisa uEpafras, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu, |
24. | kwanoMarko, noAristarko, noDemasi, noLuka, abasebenzisana nam. |
25. | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen. |
Philemon (1/1) |