← Numbers (9/36) → |
1. | Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, ngenyanga yokuqala, esithi, |
2. | Oonyana bakaSirayeli mabayenze ipasika ngexesha layo elimisiweyo. |
3. | Noyenza ngomhla weshumi elinesine kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke. |
4. | Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika. |
5. | Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli. |
6. | Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla; |
7. | athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli? |
8. | Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni nangani. |
9. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
10. | Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova. |
11. | Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra; |
12. | bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika. |
13. | Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe. |
14. | Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe. |
15. | Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa. |
16. | Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku. |
17. | Kube kusithi, linganyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli. |
18. | Ngokomlomo kaYehova banduluka oonyana bakaSirayeli, ngokomlomo kaYehova bamisa; yonke imihla elathi zinzi ngayo ilifu phezu komnquba, bamisa. |
19. | Lakolula ilifu imihla emininzi lihleli phezu komnquba, basigcina isigxina sikaYehova oonyana bakaSirayeli, abanduluka. |
20. | Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. |
21. | Kube kusithi lakubakho ilifu ngokuhlwa kude kuse, lakunyuswa ke ilifu kwakusa, banduluke; nokubabekusemini, nokuba bekusebusuku, lakunyuswa ilifu, banduluka. |
22. | Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka. |
23. | Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. Basigcina isigxina sikaYehova ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses. |
← Numbers (9/36) → |