| ← Numbers (34/36) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 2. | Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, uthi kubo, Xa nithe nangena ezweni lakwaKanan (lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni libe lilifa, ilizwe lakwaKanan ngokwemida yalo), |
| 3. | icala lenu lasezantsi lothabathela entlango yeTsin, ngasemacaleni akwaEdom; nomda wenu wasezantsi wothabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa ngasempumalanga; |
| 4. | umda wenu ujikele ezantsi, uye ekunyukeni kweAkrabhim, udlule uye eTsin, nokuphuma kwawo usinge ezantsi eKadeshe-bharneha; uphume uye eHatsare-adare, udlule uye eAtsemon; |
| 5. | umda ujikele eAtsemon, uye emlanjaneni waseYiputa; ukuphuma kwawo usinge elwandle. |
| 6. | Umda wenu wasentshonalanga woba lulwandle olukhulu, nommandla walo; lowo woba ngumda wenu wasentshonalanga. |
| 7. | Woba ngulo umda wenu wangasentla: nothabathela elwandle olukhulu, nizisikele intaba yeHore; |
| 8. | nithabathele entabeni yeHore, nisike niye eHamati; ukuphuma komda, uye eTsedada; |
| 9. | uphume umda uyeeZifron; ukuphuma kwawo ume eHatsare-enan. Ngumda wenu wangasentla ke lowo. |
| 10. | Nozisikela umda wasempumalanga, nithabathele eHatsare-enan, nise eShefam; |
| 11. | uhle umda eShefam, uyeeRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga; |
| 12. | umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke. |
| 13. | UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awise umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe. |
| 14. | Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso. |
| 15. | Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili. |
| 16. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 17. | Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun. |
| 18. | Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa. |
| 19. | Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune; |
| 20. | esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude; |
| 21. | esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon; |
| 22. | esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli; |
| 23. | koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi; |
| 24. | esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan; |
| 25. | esizweni soonyana bakaZebhulon, sisikhulu esinguElitsafan, unyana kaParnaki; |
| 26. | esizweni soonyana bakaIsakare, sisikhulu esinguPalatiyeli, unyana ka-Azan; |
| 27. | esizweni soonyana baka-Ashere, sisikhulu esinguAhihudi, unyana kaShelomi; |
| 28. | esizweni soonyana bakaNafetali, sisikhulu esinguPedayeli, unyana ka-Amihude. |
| 29. | Ngabo abo, awabawiselayo umthetho uYehova wokuba bababele ilifa oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan. |
| ← Numbers (34/36) → |