| ← Numbers (23/36) → |
| 1. | Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe. |
| 2. | Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu. |
| 3. | Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini. |
| 4. | UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungise izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo. |
| 5. | UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha. |
| 6. | Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi. |
| 7. | Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram, Ezintabeni zasempumalanga, esithi, Yiza undiqalekisele uYakobi; Yiza ubhavumele uSirayeli. |
| 8. | Ndothini na ukuqalekisa angamqalekisiyo uThixo? Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova? |
| 9. | Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona; Ndisezindulini, ndibonisela yena. Yabona, ngabantu abahlala bodwa, Ababalelwa phakathi kwazo iintlanga. |
| 10. | Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, Ukuphela kwam kube njengokwabo! |
| 11. | Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenze yona? Ndikuthabathele ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela. |
| 12. | Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe? |
| 13. | Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekiseleke bona apho. |
| 14. | Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wakha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo. |
| 15. | Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova. |
| 16. | UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha. |
| 17. | Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Uthethe ntoni na uYehova? |
| 18. | Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Suka ume, Bhalaki uve; Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore. |
| 19. | UThixo akamntu ukuba athethe amanga, Akanyana waluntu ukuba azohlwaye. Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na? |
| 20. | Yabona, ndamkele ukusikelela; Usikelele, ke andinakukubuyisa. |
| 21. | Akaboni butshinga kuYakobi, Akaboni bubi kuSirayeli. UYehova uThixo wakhe unaye, Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe. |
| 22. | UThixo umkhupha eYiputa; Amendu akhe anjengawenqu. |
| 23. | Akukho zihlabo ngoYakobi, Akukho kuvumisa ngoSirayeli. Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeli Into ayenzayo uThixo. |
| 24. | Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi; Baziphakamisa njengengonyamÂ’ induna. Abalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo, Basele igazi labahlatyiweyo. |
| 25. | Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela. |
| 26. | Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona? |
| 27. | Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona. |
| 28. | UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala. |
| 29. | Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe. |
| 30. | Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu. |
| ← Numbers (23/36) → |