| ← Numbers (2/36) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, |
| 2. | Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke. |
| 3. | Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi; |
| 4. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi osixhenxe anesine amawaka, anamakhulu mathandathu. |
| 5. | Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare; |
| 6. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane. |
| 7. | Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon; |
| 8. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulumane. |
| 9. | Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mane, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona. |
| 10. | Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure; |
| 11. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kuye, ngamashumi omane anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 12. | Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi; |
| 13. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu. |
| 14. | Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli; |
| 15. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu. |
| 16. | Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mane, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini. |
| 17. | Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo. |
| 18. | Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude; |
| 19. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 20. | Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure; |
| 21. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini. |
| 22. | Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni; |
| 23. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mane. |
| 24. | Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu. |
| 25. | Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; |
| 26. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe. |
| 27. | Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran; |
| 28. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu. |
| 29. | Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan; |
| 30. | umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mane. |
| 31. | Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo. |
| 32. | Ngabo ke abo babalwayo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu. |
| 33. | Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. |
| 34. | Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise. |
| ← Numbers (2/36) → |