| ← Numbers (14/36) → |
| 1. | Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ungobo busuku. |
| 2. | Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango! |
| 3. | Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa? |
| 4. | Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa. |
| 5. | Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli. |
| 6. | UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo. |
| 7. | Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene. |
| 8. | Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi. |
| 9. | Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika. |
| 10. | Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli. |
| 11. | Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini nabengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo? |
| 12. | Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo. |
| 13. | Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo; |
| 14. | abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ubonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku. |
| 15. | Ukuba uthe wababulala aba bantu njengandoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi, |
| 16. | Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubasa abobantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango. |
| 17. | Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi, |
| 18. | UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engeze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana. |
| 19. | Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha. |
| 20. | Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho. |
| 21. | Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova. |
| 22. | Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam, |
| 23. | wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona. |
| 24. | Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiyakumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe. |
| 25. | Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu. |
| 26. | Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi, |
| 27. | Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona elilindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile. |
| 28. | Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni. |
| 29. | Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, nina nindikrokreleyo, |
| 30. | aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun. |
| 31. | Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo. |
| 32. | Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; |
| 33. | oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mane, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango. |
| 34. | Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka, niyakubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mane, nikwazi ukunishiya kwam. |
| 35. | Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo. |
| 36. | Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe, |
| 37. | wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, afa sisibetho eso phambi koYehova. |
| 38. | Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe. |
| 39. | Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu. |
| 40. | Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siyakunyuka siyekuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile. |
| 41. | Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova? Le nto ayiyi kuphumelela. |
| 42. | Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningagxothwa ziintshaba zenu. |
| 43. | Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova. |
| 44. | Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba. |
| 45. | Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma. |
| ← Numbers (14/36) → |