| ← Numbers (13/36) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Thumela amadoda, aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, endibanike lona oonyana bakaSirayeli. |
| 2. | Wothumela indoda ibe nye kwisizwe sooyise, iyileyo ibe yeyinkulu kuso. |
| 3. | Wawathuma ke uMoses, esentlango yaseParan, ngokomlomo kaYehova, onke loo madoda, eziintloko zoonyana bakaSirayeli. |
| 4. | Ngawo la amagama awo: kwisizwe sakwaRubhen, ibinguShamuwa, unyana kaZakure; |
| 5. | kwisizwe sakwaSimon, ibinguShafati, unyana kaHori; |
| 6. | kwisizwe sakwaYuda, ibinguKalebhi, unyana kaYefune; |
| 7. | kwisizwe sakwaIsakare, ibinguIgali, unyana kaYosefu; |
| 8. | kwisizwe sakwaEfrayim, ibinguHosheya, unyana kaNun; |
| 9. | kwisizwe sakwaBhenjamin, ibinguPalti, unyana kaRafu; |
| 10. | kwisizwe sakwaZebhulon, ibinguGadiyeli, unyana kaSodi; |
| 11. | kwisizwe sakwaYosefu, esisisizwe sakwaManase, ibinguGadi, unyana kaSusi; |
| 12. | kwisizwe sakwaDan, ibinguAmiyeli, unyana kaGemali; |
| 13. | kwisizwe sakwa-Ashere, ibinguSeture, unyana kaMikayeli; |
| 14. | kwisizwe sakwaNafetali, ibinguNabhi, unyana kaVofesi; |
| 15. | kwisizwe sakwaGadi, ibinguGehuweli, unyana kaMaki. |
| 16. | Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa. |
| 17. | Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela; |
| 18. | nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukubabomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na; |
| 19. | ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na; |
| 20. | ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya. |
| 21. | Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati. |
| 22. | Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa. |
| 23. | Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo. |
| 24. | Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli, ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli. |
| 25. | Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mane. |
| 26. | Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo. |
| 27. | Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo. |
| 28. | Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo sibone abenzalo ka-Anaki khona. |
| 29. | Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emingaselwandle nangecala laseYordan. |
| 30. | Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siyakuleyisa kakade. |
| 31. | Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi. |
| 32. | Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade. |
| 33. | Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo. |
| ← Numbers (13/36) → |