← Numbers (12/36) → |
1. | Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi. |
2. | Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova. |
3. | Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni. |
4. | Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu. |
5. | Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini. |
6. | Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni. |
7. | Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke. |
8. | Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses? |
9. | Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena. |
10. | Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa. |
11. | Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sonangaso. |
12. | Makangaseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe. |
13. | Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise. |
14. | Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe. |
15. | Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam. |
16. | Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan. |
← Numbers (12/36) → |