← Numbers (10/36) → |
1. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
2. | Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba. |
3. | Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana. |
4. | Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli. |
5. | Nakuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga. |
6. | Nakuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke. |
7. | Ekusibizeleni ndawonye isikhungu, novuthela niquphe, ningavutheli nolule. |
8. | Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kunikwi zizukulwana zenu. |
9. | Xa nithe naya kulwa ezweni lenu nombandezeli onibandezelayo, navuthela ngamaxilongo nolula, nokhunjulwa phambi koYehova uThixo wenu, nisindiswe ezintshabeni zenu. |
10. | Ngomhla wovuyo lwenu, nangamaxesha enu amisiweyo, nasekuthwaseni kweenyanga zenu, novuthela niquphe ngamaxilongo phezu kwamadini enu anyukayo, naphezu kwemibingelelo yenu yoxolo, ibe sisikhumbuzo senu phambi koThixo wenu: ndinguYehova uThixo wenu. |
11. | Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino. |
12. | Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan. |
13. | Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses. |
14. | Kuqala ke kwanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi, |
15. | phezu komkhosi wakhe; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare; |
16. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon. |
17. | Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba. |
18. | Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure; |
19. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi; |
20. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli. |
21. | Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke abaya bawumise umnquba engekafiki wona. |
22. | Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude; |
23. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure; |
24. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni. |
25. | Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo; phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi; |
26. | phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran; |
27. | phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana. |
28. | Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo. |
29. | Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli. |
30. | Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam. |
31. | Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yibangamehlo ethu. |
32. | Kothi, xa uthe wahamba nathi, kothi oko kulunga uYehova asenzela kona, sikwenzele kona nawe. |
33. | Banduluka ke entabeni kaYehova uhambo lwemihla emithathu, ityeya yomnqophiso kaYehova ihamba phambi kwabo uhambo lwemihla emithathu, ukubahlolela indawo abangalalisa kuyo. |
34. | Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni. |
35. | Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova; zichithachithe iintshaba zakho, basabe phambi kwakho abakuthiyayo: |
36. | kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova, kumawaka amawaka akwaSirayeli. |
← Numbers (10/36) → |