| Numbers (1/36) → |
| 1. | Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi, |
| 2. | Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo. |
| 3. | Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron; |
| 4. | kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise. |
| 5. | Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure; |
| 6. | kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi; |
| 7. | kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi; |
| 8. | kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare; |
| 9. | kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon; |
| 10. | koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure; |
| 11. | kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni; |
| 12. | kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi; |
| 13. | kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran; |
| 14. | kwaGadi: uEliyasafu unyana kaDehuweli; |
| 15. | kwaNafetali: uAhira unyana kaEnan. |
| 16. | Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona. |
| 17. | OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama. |
| 18. | Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo. |
| 19. | Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi. |
| 20. | Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 21. | abalwayo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 22. | Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi; |
| 23. | ababalwayo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu. |
| 24. | Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 25. | ababalwayo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu. |
| 26. | Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 27. | ababalwayo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamane amawaka, anamakhulu mathandathu. |
| 28. | Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 29. | ababalwayo kubo besizwe sakwaIsakare, baba ngamashumi amahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane. |
| 30. | Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 31. | ababalwayo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane. |
| 32. | Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 33. | ababalwayo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amane amawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 34. | Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 35. | ababalwayo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini. |
| 36. | Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 37. | ababalwayo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane. |
| 38. | Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 39. | ababalwayo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe. |
| 40. | Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi: |
| 41. | ababalwayo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amane analinye amawaka, anamakhulu mahlanu. |
| 42. | Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi: |
| 43. | ababalwayo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane. |
| 44. | Ngabo abo babalwayo, babalwayo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise. |
| 45. | Bonke ababalwayo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli: |
| 46. | bonke ababalwayo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu. |
| 47. | Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, ababalelwanga phakathi kwabo. |
| 48. | Wathetha uYehova kuMoses, esithi, |
| 49. | Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli. |
| 50. | Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni. |
| 51. | Ekundulukeni komnquba wowiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wophakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe. |
| 52. | Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni yakowabo, ngokwemikhosi yabo. |
| 53. | AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino. |
| 54. | Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo. |
| Numbers (1/36) → |