← Nehemiah (7/13) → |
1. | Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo. |
2. | Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi. |
3. | Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe. |
4. | Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu. |
5. | UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa: |
6. | Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo, |
7. | abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana. Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli: |
8. | oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini. |
9. | Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini. |
10. | Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini. |
11. | Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo. |
12. | Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane. |
13. | Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mane anabahlanu. |
14. | Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu. |
15. | Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anesibhozo. |
16. | Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo. |
17. | Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini. |
18. | Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe. |
19. | Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe. |
20. | Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu. |
21. | Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo. |
22. | Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo. |
23. | Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabane. |
24. | Oonyana bakaHarifi ibilikhulu, elinashumi linye linababini. |
25. | Oonyana baseGibheyon ibingamashumi asithoba anabahlanu. |
26. | Amadoda aseBhetelehem naseNetofa ibilikhulu, elinamanci asibhozo anesibhozo. |
27. | Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo. |
28. | Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amane anamabini. |
29. | Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mane anamathathu. |
30. | Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye. |
31. | Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini. |
32. | Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu. |
33. | Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini. |
34. | Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane. |
35. | Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini. |
36. | Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu. |
37. | Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye. |
38. | Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu. |
39. | Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu. |
40. | Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini. |
41. | Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe. |
42. | Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe. |
43. | AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabane. |
44. | Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mane anesibhozo. |
45. | Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo. |
46. | Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti, |
47. | oonyana bakaKerosi, oonyana bakaSiha, oonyana bakaPadon, |
48. | oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalemayi, |
49. | oonyana bakaHanan, oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, |
50. | oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, |
51. | oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, |
52. | oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim, |
53. | oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure, |
54. | oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha, |
55. | oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama, |
56. | oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa. |
57. | Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida, |
58. | oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele, |
59. | oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon. |
60. | Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini. |
61. | Ngabo aba abenyuka bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na: |
62. | oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mane anababini. |
63. | Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo: |
64. | abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwayo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini. |
65. | Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim. |
66. | Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu; |
67. | zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mane anantlanu. |
68. | Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu; |
69. | iinkamela ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini. |
70. | Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela emsebenzini. Irhuluneli yanikela ebuncwaneni igolide eliwaka leedarike, namashumi amahlanu ezitya zokutshiza, namashumi amathathu eengubo zangaphantsi zababingeleli, nesilivere engamawaka amalulanu eemina. |
71. | Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela ebuncwaneni bomsebenzi igolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, anamakhulu amabini eemina. |
72. | Okwanikwayo ngabanye abantu ibe iyigolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, namashumi amathandathu anesixhenxe eengubo zangaphantsi zababingeleli. |
73. | Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nenxenye yabantu, nabakhonzi betempile, namaSirayeli onke emizini yakomawabo. Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, baba oonyana bakaSirayeli besemizini yakomawabo. |
← Nehemiah (7/13) → |