← Nehemiah (4/13) → |
1. | Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba siyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda. |
2. | Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje? |
3. | Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungathi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye. |
4. | Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa. |
5. | Musa ukubuselela ubugwenxa babo; musa ukusicima isono sabo phambi kwakho; ngokuba bakuqumbisile phambi kwabakhi. |
6. | Salwakha ke udonga, lwadityaniswa lonke udonga, kwesa esiqingatheni sokuphakama kwalo. Abantu babenentliziyo yokusebenza. |
7. | Kwathi, akuva uSanebhalati, noTobhiya, nama-Arabhi, nama-Amon, nama-Ashdode, ukuba ziyenyuswa iindonga zeYerusalem; ukuba ziqaliwe, ziyavingcwa iintanda: wavutha umsindo wabo kunene. |
8. | Bacebisana kunye bonke bephela, ukuba beze kulwa neYerusalem, bayonakalise. |
9. | Sathandaza kuThixo wethu, samisa abokulinda imini nobusuku ngenxa yabo. |
10. | Athi amaYuda, Amandla abathwali bemithwalo ayetha, inkunkuma ininzi; thina asinakulwakha udonga. |
11. | Ababandezeli bethu abo babesithi, Akayi kwazi, akayi kubona, side singene phakathi kwawo, siwabulale, siwumise umsebenzi. |
12. | Kwathi, akuza amaYuda abehleli emacaleni abo, athetha kuthi izihlandlo zalishumi, ephuma ezindaweni zonke, esithi, Buyelani kuthi. |
13. | Ndesuka, ndamisa ezindaweni ezisezantsi emva kodonga, ezindaweni ezibalelelwa lilanga, ndamisa abantu ngokwemizalwane, benamakrele abo, nezikhali zabo, nezaphetha zabo. |
14. | Ndakhangela, ndasuka ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi enkulu eyoyikekayo, nilwele abazalwana benu, noonyana benu, neentombi zenu, nabafazi benu, nezindlu zenu. |
15. | Kwathi, zakuva iintshaba zethu ukuba siyazi thina, nokuba uThixo ulitshitshisile iqhinga lazo, sabuyela sonke siphela eludongeni, elowo emsebenzini wakhe. |
16. | Kwathi, ukususela kuloo mini, esinye isiqingatha samadodana akwam sasebenza emsebenzini, esinye isiqingatha saphatha izikhali, neengweletshetshe, izaphetha, neengubo zentsimbi; kananjalo abaphathi babeyixhasile yonke indlu kaYuda. |
17. | Ke aba babesakha eludongeni, nabathwala imithwalo, babethwala ngesinye isandla esibe sisebenza emsebenzini, baphathe izikhali ngesinye; |
18. | nabakhi babesakha, benxibe elowo ikrele lakhe esinqeni sakhe. Ovuthela isigodlo ubesecaleni lam. |
19. | Ndathi kubanumzana, nakubaphathi, nakwabanye abantu, Umsebenzi lo mkhulu, ubanzi; thina sithe saa eludongeni, omnye ekude komnye. |
20. | Endaweni enithe neva ilizwi lesigodlo, nobuthelana kuyo kum; uThixo wosilwela. |
21. | Sasisebenza emsebenzini, isiqingatha sawo siphethe izikhali, siqalela ekuphumeni kwesifingo, sizise ekuveleni kweenkwenkwezi. |
22. | Kananjalo ndathi ngelo xesha ebantwini, Elowo nendodana yakwakhe makalale phakathi eYerusalem ebusuku, ukuze babe ngabalindi kuthi ebusuku, emini babe semsebenzini. |
23. | Ke mna, nabazalwana bam, namadodana akwam, namadoda alindayo abendilandela, sibe singazikhululi iingubo zethu. Elowo ebenekrele lakhe kwesokunene. |
← Nehemiah (4/13) → |