Nehemiah (3/13)  

1. Wesuka ke uEliyashibhi umbingeleli omkhulu, nabazalwana bakhe ababingeleli, balakha isango lempahla emfutshane; balingcwalisa bona; bazi misa iingcango zalo, bakha besa enqabeni ende yeMeha, bayingcwalisa, besa enqabeni ende kaHananeli.
2. Ngakuye kwakusakha amadoda aseYeriko; ngakuwo kwakusakha uZakure unyana kaImri.
3. Oonyana bakaSenaha balakha isango leentlanzi; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo.
4. Ngakubo kwakulungiswa nguMeremoti unyana kaUriya, unyana kaHakotse; ngakubo kulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, unyana kaMeshezabheli; ngakubo kulungiswa nguTsadoki unyana kaBhahana;
5. ngakubo kulungiswa ngabaseTekowa; ke iingangamsha zabo azizingenisanga zona iintamo zazo enkonzweni yeNkosi yazo.
6. Isango lodonga oludala lalilungiswa ngoYoyada unyana kaPaseha, noMeshulam unyana kaBhesodiya; bona balihlanganisa ngemiqadi; bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
7. Ngakubo kwakulungiswa nguMelatiya waseGibheyon, noYadon waseMeronoti, namadoda aseGibheyon nawaseMizpa; kwesa esihlalweni sebamba langaneno koMlambo.
8. Ngakuye kwakulungiswa ngu-Uziyeli unyana kaHarehaya, weengcibi zegolide; ngakuye kulungiswa nguHananiya unyana wabaqholi; bayakha iYerusalem, basa eludongeni olubanzi.
9. Ngakubo kwakulungiswa nguRefaya unyana kaHure, umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem;
10. ngakubo kulungiswa nguYedaya unyana kaHarumafi, malungana nendlu yakhe; ngakuye kulungiswa nguHatushe unyana kaHashabheniya.
11. Esinye isithuba sesibini nenqaba ende yamaziko sasilungiswa nguMalekiya unyana kaHarim, noHashubhi unyana kaPahati, wakwaMowabhi.
12. Ngakuye kwakulungiswa nguShalum unyana kaHaloheshe umphathi wesiqingatha sesithili saseYerusalem; yena neentombi zakhe.
13. Isango lomfula lalilungiswa nguHanun nabemi baseZanowa; bona balakha, bazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo, newaka leekubhite eludongeni, kwada kwesa esangweni lezala.
14. Isango lezala lalilungiswa nguMalekiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili seBhete-kerem; walakha, wazifaka iingcango zalo nezitshixo zalo nemivalo yalo.
15. Isango lomthombo lalilungiswa nguShalum unyana kaKoli-hoze, umphathi wesithili saseMizpa; yena walakha, walifulela, wazifaka iingcango zalo, nezitshixo zalo, nemivalo yalo; walulungisa nodonga lwechibi leSilowa ngasemyezweni wokumkani; kwesa ezinyukweni zokuhla, kuvelwa emzini kaDavide.
16. Emva kwakhe kwakulungiswa nguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umphathi wesiqingatha sesithili seBhete-tsure, kwesa malunga namangcwaba kaDavide, kwesa echibini elibe lenziwe, kwesa nasendlwini yamagorha.
17. Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaLevi bakaRehum, unyana kaBhani; ngakuye kulungiswa nguHashabhiya, umphathi wesiqingatha sesithili seKehila, esithilini sakhe.
18. Emva kwakhe kwakulungiswa ngabazalwana babo, uBhawayi unyana kaHenadade, umphathi wesinye isiqingatha sesithili seKehila.
19. Ngakuye kwakulungiswa nguEzere unyana kaYeshuwa, umphathi weMizpa, esinye isithuba, malunga nendawo enyukayo ngasendlwini yezikrweqe ekujikeni.
20. Emva kwakhe kwazondelelwa kwalungiswa nguBharuki, unyana kaZabhayi, esinye isithuba; kwathabathela ekujikeni, kwesa emnyango wendlu kaEliyashibhi, umbingeleli omkhulu.
21. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeremoti, unyana kaUriya, unyana kaHakotsi, esinye isithuba; kwathabathela emnyango wendlu kaEliyashibhi, kwesa ekupheleni kwendlu kaEliyashibhi.
22. Emva kwakhe kwakulungiswa ngababingeleli, amadoda aloo mmandla.
23. Emva kwabo kwakulungiswa nguBhenjamin noHashubhi, malunga nendlu yabo. Emva kwabo kwakulungiswa nguAzariya, unyana kaMahaseya, unyana ka-Ananiya, ngasendlwini yakhe.
24. Emva kwakhe kwakulungiswa nguBhinwi unyana kaHenadade, esinye isithuba; kwathabathela endlwini ka-Azariya, kwesa ekujikeni, kwesa embombeni.
25. Kwakulungiswa nguPalali unyana kaUzayi, ethabathela malunga ekujikeni, nasenqabeni ephezulu, edulusele endlwini yokumkani, ngasentendelezweni yentolongo. Emva kwakhe kwakulungiswa nguPedaya unyana kaParoshe.
26. (Ke kaloku abakhonzi betempile babehlala eOfele, besa malunga nesango lamanzi empumalanga, nenqaba ende edulusele ngaphandle.)
27. Emva kwakhe kwakulungiswa ngabaseTekowa, esinye isithuba; bethabathela malungana nenqaba enkulu edulusele ngaphandle, besa eludongeni lweOfele.
28. Ngentla kwesango lamahashe kwakulungiswa ngababingeleli, elowo nalowo malunga nendlu yakhe.
29. Emva kwabo kwakulungiswa nguTsadoki, unyana kaImere, malunga nendlu yakhe; emva kwakhe kulungiswa nguShemaya unyana kaShekaniya, umgcini wesango langasempumalanga.
30. Emva kwakhe kwakulungiswa nguHananiya unyana kaShelemiya, noHanun unyana wesithandathu kaTsalafi, esinye isithuba. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMeshulam unyana kaBherekiya, malunga negumbi lakhe.
31. Emva kwakhe kwakulungiswa nguMalekiya, oweengcibi zegolide; kwesa kwindlu yabakhonzi betempile, neyabathengi, malunga nesango likaMifekadi, kwesa kwigumbi eliphezulu lembombo.
32. Phakathi kwegumbi eliphezulu lembombo nesango lempahla emfutshane, kwakulungiswa ziingcibi zegolide nabathengi.

  Nehemiah (3/13)