← Nehemiah (2/13) → |
1. | Kwathi ngenyanga enguNisan, ngomnyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani, yabakho iwayini phambi kwakhe, ndayithabatha iwayini leyo, ndayinika ukumkani. Ke ndibe ndingazanga ndibonakale ndithe khunubembe phambi kwakhe. |
2. | Wathi ukumkani kum, Kungani na ukuba ubuso bakho bube nje, ukuba bubi, ungafi nje? Le nto bububi bentliziyo, asinto yimbi. Ndoyika ke kakhulu kunene. |
3. | Ndathi kukumkani, Ukumkani makadle ubomi ngonaphakade. Bebungathini na ukuba ubuso bam bungabi bubi, ulinxuwa nje umzi lowa, indawo yamangcwaba oobawo, amasango awo etshiswe ngomlilo? |
4. | Wathi ukumkani kum, Ufuna ntoni na ke? Ndathandaza ke kuThixo wamazulu. |
5. | Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, ukuba umkhonzi wakho lo uthe walungisa phambi kwakho, ndinga ungandithuma kwaYuda, kuwo umzi wamangcwaba oobawo, ndiwakhe. |
6. | Wathi ukumkani kum (ukumkanikazi ehleli ngasecaleni lakhe), Uhambo lwakho loba lolwexesha elingakanani na? Wobuya nini na? Kwalunga ke kukumkani ukundithuma, ndakuba ndimmisele ixesha. |
7. | Ndathi kukumkani, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, mandinikwe incwadi eya kumabamba aphesheya koMlambo, andiyeke ndidlule ndide ndiye kufika kwaYuda; |
8. | nencwadi eya kuAsafu, umgcini wehlathi lokumkani, ukuba andinike imithi yemiqadi yamasango enqaba elunge kwindlu, neyodonga lomzi, neyendlu endiya kuhlala kuyo. Wandinika ke ukumkani ngokwesandla sikaThixo esilungileyo esiphezu kwam. |
9. | Ndafika kumabamba anganeno koMlambo, ndawanika iincwadi zokumkani. Ke kaloku ukumkani ubendikhuphele nam abathetheli bempi, nabamahashe. |
10. | Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, bakuyiva loo nto, kwaba kubi kubo ngobubi obukhulu, ukuba kufike ununtu ofuna ukuba kulunge koonyana bakaSirayeli. |
11. | Ndafika ke eYerusalem, ndaba neentsuku zantathu khona. |
12. | Ndesuka ebusuku, mna ndinamadoda ambalwa. Andixelelanga mntu into abeyingenise entliziyweni yam uThixo wam, ukuba ndiyenzele iYerusalem. Ndibe ndingenamaqegu, ibilelo lodwa bendikhwele kulo. |
13. | Ndaphuma ke ebusuku ngesango lomfula, ndasinga emthonjeni wenamba, nasesangweni lezala, ndilolonga iindonga zeYerusalem ezibe ziqhekekile, namasango ayo abetshiswe ngomlilo. |
14. | Ndagqithela esangweni lomthombo, nasechibini lokumkani; akwabakho ndawo yokuba lithubeleze kuyo iqegu endandikhwele kulo. |
15. | Ndakhweza ke isihlambo ngobusuku, ndilolonga udonga, ndabuya ndangena ngesango lomfula; ndabuya ke. |
16. | Ke kaloku abaphathi babengazi apho ndandiye khona, nento endandiye kuyenza; bendingekawaxeleli amaYuda, nababingeleli, nabanumzana, nabaphathi, nabanye abenza umsebenzi. |
17. | Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem ilinxuwa, namasango ayo atshiswe ngomlilo; yizani, sakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lungcikivo. |
18. | Ndabaxelela ukulunga kwesandla soThixo wam phezu kwam, namazwi okumkani awawathethayo kum. Bathi, Masisuke sakhe. Bazomeleza izandla zabo ukuwenza lo msebenzi ulungileyo. |
19. | Bathi ke ooSanebhalati waseHoron, noTobhiya umkhonzi, umAmon, noGeshem umArabhi, bakuyiva loo nto, basigculela, basidela, bathi, Yintoni na le nto niyenzayo? Niya kugwilika na kukumkani? |
20. | Ndabaphendula, ndathi kubo, UThixo wamazulu nguye oya kusiphumelelisa; thina bakhonzi bakhe siya kusuka sakhe; ke nina aninasabelo nalungelo nasikhumbuzo eYerusalem. |
← Nehemiah (2/13) → |