| ← Nehemiah (12/13) → |
| 1. | Ngabo aba ababingeleli nabaLevi, abenyuka noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa: ibinguSeraya, noYeremiya, noEzra, |
| 2. | noAmariya, noMaluki, noHatushe, |
| 3. | noShekaniya, noRehum, noMeremoti, |
| 4. | noIdo, noGinetohi, noAbhiya, |
| 5. | noMiyamin, noMahadiya, noBhilega, |
| 6. | noShemaya, noYoyaribhi, noYedaya, |
| 7. | noSalu, noAmoki, noHilekiya, noYedaya. Abo ibiziintloko zababingeleli nabazalwana babo, emihleni kaYeshuwa. |
| 8. | AbaLevi: ibinguYeshuwa, noBhinwi, noKademiyeli, noSherebhiya, noYuda, noMataniya obephethe imibulelo, yena nabazalwana bakhe; |
| 9. | noBhakebhukiya, noUni; abazalwana babo babemalunga nabo besezigxineni. |
| 10. | Ke uYeshuwa wazala uYoyakim; uYoyakim wazala uEliyashibhi; uEliyashibhi wazala uYoyada; |
| 11. | uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa. |
| 12. | Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya; |
| 13. | okaEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan; |
| 14. | okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu; |
| 15. | okaHarim inguAdena; okaMerayoti inguHelekayi; |
| 16. | okaIdo inguZekariya; okaGineton inguMeshulam; |
| 17. | oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi; |
| 18. | okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan; |
| 19. | okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi; |
| 20. | okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere; |
| 21. | okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli. |
| 22. | Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi. |
| 23. | Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi. |
| 24. | Ke iintloko zabaLevi: ibinguHashabhiya, noSherebhiya, noYeshuwa unyana kaKademiyeli, nabazalwana babo malungana nabo, ukuba badumise, babulele, ngokomthetho kaDavide umfo wakwaThixo, iqela lilunge neqela; |
| 25. | inguMataniya, noBhakebhukiya, no-Obhadiya, noMeshulam, noTalemon, noAkubhi babengabamasango, begcina isigxina koovimba bamasango. |
| 26. | Abo babekho emihleni kaYoyakim unyana kaYeshuwa, unyana kaYotsadaki, nasemihleni kaNehemiya ibamba, noEzra umbingeleli, umbhali. |
| 27. | Ke kaloku ekusungulweni kodonga lweYerusalem kwafunwa abaLevi ezindaweni zabo zonke, ukuba baziswe eYerusalem, ukuba ukusungulwa kwalo kwenziwe ngovuyo, nangemibulelo, nangeengoma, nangamacangci, nangemirhubhe, nangeehadi. |
| 28. | Bahlanganisana oonyana beemvumi, bevela kuloo mmandla ujikeleze iYerusalem, nasemizini yamaNetofa; |
| 29. | naseBhete yaseGiligali, nasemihlabeni yaseGebha, neAzemavete; ngokuba iimvumi zazizakhele imizi ejikeleze iYerusalem. |
| 30. | Bazihlambulula ababingeleli nabaLevi, bahlambulula abantu, namasango, nodonga olo. |
| 31. | Ndabanyusa abathetheli bakwaYuda phezu kodonga, ndamisa amaqela amakhulu amabini okubulela, enza imityino, elinye lasinga ekunene phezu kodonga esangweni lenkunkuma. |
| 32. | Emva kwalo kwahamba uHoshaya nesiqingatha sabathetheli bakwaYuda, |
| 33. | noAzariya, noEzra, noMeshulam, |
| 34. | noYuda, noBhenjamin, noShemaya, noYeremiya. |
| 35. | Koonyana bababingeleli benamaxilongo yayinguZekariya unyana kaYonatan, unyana kaShemaya, unyana kaMataniya, unyana kaMikaya, unyana kaZakure, unyana ka-Asafu; |
| 36. | nabazalwana bakhe: ooShemaya, noAzareli, noMilalayi, noGilalayi, noMahayi, noNataniyeli, noYuda, noHanani, beneempahla zokuvuma zikaDavide umfo wakwaThixo; ke uEzra umbhali ebephambi kwabo. |
| 37. | Basinga esangweni lomthombo, bathi ngqo, benyuka ngezinyuko zomzi kaDavide, ekunyukeni kodonga bayongamela indlu kaDavide, besa esangweni lamanzi ngasempumalanga. |
| 38. | Iqela lesibini lokubulela elahamba malunga nelo, ndingasemva kwalo, ndinesinye isiqingatha sabantu, lahamba phezu kodonga, layongamela inqaba ende yamaziko, lesa eludongeni olubanzi; |
| 39. | lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo. |
| 40. | Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi; |
| 41. | nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo; |
| 42. | noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo. |
| 43. | Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama. |
| 44. | Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okubangoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo. |
| 45. | Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe; |
| 46. | ngokuba ngemihla kaDavide, kwakudala, uAsafu ubeyintloko yeemvumi, neyokudumisa uThixo, neyokubulela kuye. |
| 47. | Onke amaSirayeli, ngemihla kaZerubhabheli nangemihla kaNehemiya, abe ezinika iimvumi nabamasango izabelo, into yemini ngangemini yayo, engcwalisela abaLevi, abaLevi bengcwalisela oonyana baka-Aron. |
| ← Nehemiah (12/13) → |