| Nehemiah (1/13) → | 
| 1. | Ibali likaNehemiya unyana kaHakaliya. Kwathi ngenyanga enguKislevu, ngomnyaka wamashumi amabini, ndakubona ukuba ndiseShushan komkhulu, | 
| 2. | kwafika uHanani, omnye wakubazalwana bam, enamadoda avela kwaYuda. Ndababuza iindaba zamaYuda, amasalela asindileyo ekuthinjweni, nezeYerusalem. | 
| 3. | Bathi kum, Amaqongqolo asele ekuthinjweni, kwaYuda, asebubini obukhulu, nasekungcikivweni; nodonga lweYerusalem luqhekekile, namasango ayo atshe ngumlilo. | 
| 4. | Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu, | 
| 5. | ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe. | 
| 6. | Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile; | 
| 7. | sonakalisile, senza ububi ngakuwe. Asiyigcinanga imithetho, nemimiselo, namasiko, obumwisele umthetho ngawo uMoses umkhonzi wakho. | 
| 8. | Khawulikhumbule ilizwi owamwisela umthetho ngalo uMoses umkhonzi wakho, elithi, Ukuba nina nithe nenza ubumenemene, ndonichithachithela ezizweni; | 
| 9. | ke ukuba nithe nabuyela kum, nayigcina imithetho yam, nayenza, nokuba kuthe kwabakho kuni abagxothelwe ekupheleni kwezulu; ndobabutha nalapho, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulele ukulibeka kuyo igama lam. | 
| 10. | Aba ke ngabakhonzi bakho, nabantu bakho, owabakhulula ngamandla akho amakhulu, nangesandla sakho esithe nkqi. | 
| 11. | Camagu, Nkosi yam, indlebe yakho mayikhe ibazelwe umthandazo womkhonzi wakho, nomthandazo wabakhonzi bakho, abathanda ukoyika igama lakho. Khawumphumelelise umkhonzi wakho namhla, umfumanise imfesane phambi kwale ndoda. Ke mna ndibe ndingumngcamli kukumkani. | 
| Nehemiah (1/13) → |