Nahum (3/3)    

1. Yeha, umzi wamagazi! Uzele kwaphela luhanahaniso nakukudlavula; akumki kuwo ukuqwenga.
2. Isithonga seziniya, nesithonga sokugoqoza kweevili, nokuphala kwamahashe, nokuxhuma kweenqwelo zokulwa;
3. abamahashe besenza amagqasi, ukubengezela kwamakrele, nokumenyezela kwezikhali; ukuba baninzi ababuleweyo, izigigaba zabafileyo; ewe, azinakuphela izidumbu; bayakhubeka ezidumbini zabo;
4. ngenxa yobuninzi bezihenyuzo zehenyukazi elihle, elinesoya, umnikazi-kukhafula, othengisa iintlanga ngezihenyuzo zakhe, nemizalwane ngokukhafula kwakhe.
5. Uthi uYehova wemikhosi, Yabona, ndikuchasile; ndozityhila iingubo zakho, ndiziphose phezu kobuso bakho, ndizibonise iintlanga ubuze bakho; ndizibonise izikumkani ukucukucezwa kwakho.
6. Ndiya kukugalela ngezinto ezinezothe, ndikwenze inqambi, ndikwenze ube njengento ebonelwayo.
7. Kuya kuthi, bonke abakubonayo bakubaleke, bathi, INineve ibhuqekile; ngubani na oya kuyikhuza? ndokufunela phi na abathuthuzeli?
8. Uyidlule ngokulunga yini na iNo ka-Amon, eyamisa emijelweni yoMnayile, amanzi engeenxa zonke kuyo; elungqameko lwayo ibilulwandle, udonga lwayo lululwandle?
9. Ayengamandla ayo amaKushi kwanamaYiputa, engenakuphela ndawo ke; amaPuti namaLubhi avengabancedisi bayo.
10. Nayo ke leyo yafuduswa, yathinjwa, neentsana zayo zacunyuzwa ezimbonjeni zezitrato zonke; amadoda azukileyo kuyo bawenzela amaqashiso; bonke abakhulu kuyo babakhonkxa ngemixokelelwane.
11. Nawe lo uya kunxila, uya kufihlakala; nawe lo uya kufuna igwiba ngenxa yotshaba.
12. Zonke iinqaba zakho ziyimikhiwane enamakhiwane aqalelayo; ukuba avuthululwe, owa emlonyeni wowadlayo.
13. Yabona, abantu bakho bangamankazana phakathi kwakho apho; avulekile amasango elizwe lakho, avulekela iintshaba zakho; umlilo utshisa imivalo yakho.
14. Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena.
15. Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zandise njengenkumbi ekhothululayo, zandise njengenkumbi eyandayo.
16. Ubandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka.
17. Abaluluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.
18. Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.
19. Akuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?

  Nahum (3/3)