| ← Micah (7/7) |
| 1. | Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam. |
| 2. | Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha. |
| 3. | Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha. |
| 4. | Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo. |
| 5. | Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho. |
| 6. | Ngokuba unyana umenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe. |
| 7. | Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam. |
| 8. | Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum. |
| 9. | Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe. |
| 10. | Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato. |
| 11. | Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini uya kuba kude ummiselo. |
| 12. | Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo; bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni. |
| 13. | Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo. |
| 14. | Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni. |
| 15. | Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo. |
| 16. | Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu. |
| 17. | Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho. |
| 18. | Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba. |
| 19. | Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo. |
| 20. | Uya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo. |
| ← Micah (7/7) |