| ← Micah (6/7) → |
| 1. | Khanive akuthethayo uYehova; uthi, SukĀ ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho. |
| 2. | Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli. |
| 3. | Bantu bam, ndenze ntoni na kuni? Ndinidinise ngantoni na? Ndiphenduleni. |
| 4. | Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam. |
| 5. | Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa. |
| 6. | Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndinamathole amnyaka mnye na? |
| 7. | Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam? |
| 8. | Uxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo. |
| 9. | Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo. |
| 10. | Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa edlekileyo, ebhavunyelweyo? |
| 11. | Ndoqaqamba na ndinesikali sokungendawo, ndinengxowa yamatye enkohliso? |
| 12. | Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo. |
| 13. | Nam ke ndikuxabele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho. |
| 14. | Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikele ekreleni. |
| 15. | Wena uya kuhlwayela, ungavuni; wena uya kuxovula umnquma, ungazithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungaseli wayini. |
| 16. | Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam. |
| ← Micah (6/7) → |