Micah (4/7)  

1. Ke kaloku, ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova iya kuzinza encotsheni yazo iintaba, yona iziphakamele iinduli, zibe ngumsinga izizwe ukuya kuyo.
2. Ziya kubamba iintlanga ezininzi, zithi, Hambani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini yoThixo kaYakobi, ukuze asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe; kuba uya kuphuma eZiyon umyalelo, nelizwi likaYehova eYerusalem.
3. Uya kugweba phakathi kwezizwe ezininzi, ohlwaye iintlanga ezinamandla, ade ase kude; ziwakhande, amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zokuthena imidiliya. Uhlanga aluyi kuphakamisela kuhlanga ikrele lalo, bangabi safunda ukulwa.
4. Baya kuhlala elowo phantsi komdiliya wakhe, naphantsi komkhiwane wakhe, kungabikho uboyikisayo; kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.
5. Kuba zonke izizwe zihamba, sona eso egameni lothixo waso; thina ke sihamba egameni likaYehova uThixo wethu, ngonaphakade kanaphakade.
6. Ngayo loo mini, utsho uYehova, ndiya kubahlanganisa abaqhwalelayo, ndibabuthe abagxothiweyo, nabendibaphethe kakubi;
7. ndibenze abaqhwalelayo babe ngamasalela, nabakhweleliselwa kude babe luhlanga olunamandla, uYehova abe ngukumkani kubo entabeni yeZiyon, kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
8. Wena ke, nqaba ende yomhlambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo, lokuba bubukumkani bentombi enguYerusalem.
9. Ngokunje ukhalelani na ngoku kukhala? Akakho na ukumkani kuwe? Umcebisi wakho ubhubhile na, ukuba ubanjwe nje kukuzibhijabhija, njengozalayo?
10. Zibhijabhije, ubhanyalaze njengozalayo, ntombi inguZiyon; ngokuba ngoku uya kuphuma phakathi komzi, uhlale endle, ude uye eBhabheli; uya kuhlangulwa khona; uya kukukhulula khona uYehova esandleni seentshaba zakho.
11. Ngoku ke kuhlanganisene iintlanga ezininzi ngawe, zisithi, Mayihlanjelwe, ayibone amehlo ethu iZiyon.
12. Ke zona ezi azizazi iingcinga zikaYehova, aziliqondi icebo lakhe; kuba uzibuthile njengezithungu zesanda.
13. SukĀ’ ume, ubhule, ntombi inguZiyon, kuba uphondo lwakho ndilwenza isinyithi, neempuphu zakho ndizenza ubhedu. Uya kucola iintlanga ezininzi, uyisingele phantsi kuYehova inzuzo yazo embi, ubusingele phantsi kwiNkosi yehlabathi lonke ubutyebi bazo.

  Micah (4/7)