← Matthew (8/28) → |
1. | Ke kaloku, akuhla entabeni apho, walandelwa ngabantu abaninzi. |
2. | Nanko kusiza oneqhenqa, waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. |
3. | Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lahlambuluka kwaoko iqhenqa lakhe. |
4. | Athi uYesu kuye, Lumka angaxeleli bani; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze umnikelo awamisa wona uMoses, ube bubungqina kubo. |
5. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uYesu ungene eKapernahum, kweza kuye umthetheli-khulu embongoza, |
6. | esithi, Nkosi, isicaka sam silele ngendlu, sinedumbe, sithuthunjelwa ngokoyikekayo. |
7. | Athi uYesu kuye, Ndoza ndisiphilise mna. |
8. | Waphendula umthetheli-khulu, wathi, Nkosi, andikulingene ukuba ude ungene phantsi kophahla lwam; thetha ilizwi lodwa, sophiliswa isicaka sam. |
9. | Kuba nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati phantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kwisicaka sam, Yenza oku, sikwenze. |
10. | Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli. |
11. | Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu. |
12. | Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
13. | Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe. |
14. | Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina. |
15. | Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela. |
16. | Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa; |
17. | ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu. |
18. | Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya. |
19. | Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona. |
20. | Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko. |
21. | Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala. |
22. | Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo. |
23. | Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe. |
24. | Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo. |
25. | Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala! |
26. | Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu. |
27. | Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle? |
28. | Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela. |
29. | Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha? |
30. | Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. |
31. | Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya. |
32. | Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini. |
33. | Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon. |
34. | Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo. |
← Matthew (8/28) → |