| ← Matthew (7/28) → |
| 1. | Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. |
| 2. | Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani. |
| 3. | Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? |
| 4. | Okanye ungathini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nango umqadi kwelakho iliso? |
| 5. | Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi lowo esweni lakho, wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi esisesweni lomzalwana wakho. |
| 6. | Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge. |
| 7. | Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa; |
| 8. | kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa. |
| 9. | Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye? |
| 10. | Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka? |
| 11. | Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo? |
| 12. | Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti. |
| 13. | Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo. |
| 14. | Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo. |
| 15. | Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. |
| 16. | Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na? |
| 17. | Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi. |
| 18. | umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle. |
| 19. | Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni. |
| 20. | Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo. |
| 21. | Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; ngokwenzayo ukuthanda kukaBawo osemazulwini. |
| 22. | Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho saprofeta, sathi egameni lakho sakhupha iidemon, sathi egameni lakho senza imisebenzi yamandla emininzi? |
| 23. | Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho. |
| 24. | Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. |
| 25. | Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. |
| 26. | Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. |
| 27. | Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo. |
| 28. | Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; |
| 29. | kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali. |
| ← Matthew (7/28) → |