| ← Matthew (6/28) → |
| 1. | Lumkani, ubulungisa benu ningabenzeli ebusweni babantu, ngokunga ningabonwa ngabo; okanye, aninamvuzo kuYihlo osemazulwini. |
| 2. | Ngoko, xa sukuba uliza abantu, ungahlokomisi xilongo phambi kwakho, njengoko benza ngako abahanahanisi ezindlwini zesikhungu, nasezitratweni, ukuze bazukiswe ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. |
| 3. | Ke wena, xa uliza abantu, masingazi isandla sakho sokhohlo into eyenziwa sisandla sakho sokunene, |
| 4. | ukuze amalizo akho abe semfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni yena. |
| 5. | Naxa sukuba uthandaza, uze ungabi njengabahanahanisi; ngokuba bethanda ukuthandaza bemi ezindlwini zesikhungu nasezimbombeni zezitrato, ngokokuze babe nokubonwa ngabantu. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. |
| 6. | Ke wena, xa sukuba uthandaza, ngena egumbini lakho, uthi, uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo osemfihlekweni; aze noYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. |
| 7. | Nithandaza njalo ke, maningenzi milembelele ingeyanto, njengabeentlanga; kuba beba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi. |
| 8. | Ngoko maningafani nabo; kuba ekwazi uYihlo enikusweleyo, ningekamceli. |
| 9. | Thandazani ngoko nina nenjenje: Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. |
| 10. | Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini. |
| 11. | Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla. |
| 12. | Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi. |
| 13. | Ungasingenisi ekulingweni, sihlangule enkohlakalweni. Ngokuba bubobakho ubukumkani, namandla, nozuko, kuse kuwo amaphakade. Amen. |
| 14. | Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. |
| 15. | Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela iziphoso zenu. |
| 16. | Xa sukuba ke nizila ukudla, maningabi njengabahanahanisi, bona bamatshekileyo; kuba babenza bubi ubuso babo, ukuze babonakale ebantwini ukuba bazilile. Inene ndithi kuni, Bawufincile umvuzo wabo. |
| 17. | Ke wena, wakuzila, yithambise intloko yakho, ubuhlambe ubuso bakho, |
| 18. | ukuze ungabonakali ebantwini ukuba uzilile, ubonakale kuYihlo osemfihlekweni; aze uYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni. |
| 19. | Ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela agqobhozayo ebe; |
| 20. | ziqwebeleni ke ubutyebi emazulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angagqobhoziyo ebe; |
| 21. | kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu. |
| 22. | Isibane somzimba liliso; xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. |
| 23. | Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama. Ukuba ngoko ukukhanya okukuwe kububumnyama, bungakanani na ubumnyama obo! |
| 24. | Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le ayithande leya, athi mhlawumbi abambelele kule ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo nobutyebi. |
| 25. | Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi nodla ntoni na; nosela ntoni na; kwanomzimba wenu, nisithi niya kwambatha ntoni na. Ubomi abungaphezulu na kuko ukudla, nomzimba awungaphezulu na kwinto yokwambatha? |
| 26. | Yondelani ezintakeni zasezulwini; ngokuba azihlwayeli, azivuni, azibutheli koovimba; ukanti ke uYihlo osemazulwini uyazondla. Nina anizidlule kakhulu na? |
| 27. | Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongeze ebukhulwini bakhe ikubhite ibe nye? |
| 28. | Kanjalo yini na ukuba nixhalele into yokwambatha? Gqalani iinyibiba zasendle, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; |
| 29. | ke ndithi kuni, noSolomon kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye kuzo ezi. |
| 30. | Ukuba ke ingca leyo yasendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambathisa, akayi kunambathisa kakhulu ngakumbi na, bantundini balukholo luncinane? |
| 31. | Musani ukuxhala ngoko, nisithi, Sodla ntoni na, sosela ntoni na, siya kwambatha ntoni na? |
| 32. | Kuba zonke ezo zinto zingxanyelwe ziintlanga; kuba uYihlo wasemazulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyafuneka kuni. |
| 33. | Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni. |
| 34. | Ngoko musani ukuxhalela ingomso; kuba ingomso liya kuxhalela okwalo. Buyanele imini leyo obayo ububi. |
| ← Matthew (6/28) → |