| ← Matthew (5/28) → |
| 1. | Uthe ke, akuzibona izihlwele ezo, wenyuka intaba; waza akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe. |
| 2. | Wawuvula umlomo wakhe, wabafundisa, esithi, |
| 3. | Banoyolo abangamahlwempu ngomoya; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. |
| 4. | Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona. |
| 5. | Banoyolo abanobulali; ngokuba umhlaba baya kuwudla ilifa bona. |
| 6. | Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona. |
| 7. | Banoyolo abanenceba; ngokuba baya kwenzelwa inceba bona. |
| 8. | Banoyolo abahlambulukileyo intliziyo; ngokuba baya kumbona uThixo bona. |
| 9. | Banoyolo abaxolisi; ngokuba baya kubizwa ngokuthi bangoonyana bakaThixo bona. |
| 10. | Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. |
| 11. | Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. |
| 12. | Vuyani nigcobe kunene; ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu. |
| 13. | Niyityuwa yehlabathi nina; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa? Ayisalungele nto, kukulahlwa phandle kuphela, inyathelwe ngabantu. |
| 14. | Nina nilukhanyiselo lwehlabathi; umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala; |
| 15. | kananjalo abasibaneki isibane basibeke phantsi kwesitya; basibeka esiphathweni saso, sikhanyisele bonke abasendlwini. |
| 16. | Malukhanye ngokunjalo ukhanyiselo lwenu phambi kwabantu; ukuze bayibone imisebenzi yenu emihle, bamzukise uYihlo osemazulwini. |
| 17. | Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa. |
| 18. | Kuba inene ndithi kuni, Koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke. |
| 19. | Othe ngoko wachitha noko umnye kule mithetho mincinanana, wabafundisa abantu ngokunjalo, kothiwa ungomncinanana ebukumkanini bamazulu; othe wenza wafundisa ngayo, kothiwa ngomkhulu ebukumkanini bamazulu. |
| 20. | Kuba ndithi kuni, Ukuba ubulungisa benu abuthanga bugqithe kakhulu kobababhali nabaFarisi, anisayi kuza ningene ebukumkanini bamazulu. |
| 21. | Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungabulali; wothi othe wabulala, abe sisisulu somgwebo. |
| 22. | Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo. |
| 23. | Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, |
| 24. | wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. |
| 25. | Lungisana kamsinya nokumangaleleyo, usesendleleni naye; hleze ummangaleli lowo akunikele emgwebini, aze umgwebi akunikele kumsila, uze uphoswe entolongweni. |
| 26. | Inene ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela. |
| 27. | Nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungakrexezi. |
| 28. | Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu okhangela umntu oyinkazana, ukuba amkhanuke, uselemkrexezile entliziyweni yakhe. |
| 29. | Ukuba ke iliso lakho lokunene liyakukhubekisa, linyothule ulilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. |
| 30. | Nokuba isandla sakho sokunene siyakukhubekisa, sinqamle usilahle kuwe; kuba kukulungele kanye ukuba kutshabalale libe linye emalungwini akho, kunokuba umzimba wakho uphela uphoswe esihogweni. |
| 31. | Kwathiwa ke, Othe wamala umfazi wakhe, makamnike incwadi yokwahlukana. |
| 32. | Ke mna ndithi kuni, Othe wamala umfazi wakhe ngaphandle kwendawo yombulo, uyamkrexezisa; nothe wazeka owaliweyo, uyakrexeza. |
| 33. | Kanjalo nivile ukuba kwathiwa kumanyange, Uze ungafungi buxoki; wakuthi uzifeze eNkosini izifungo zakho. |
| 34. | Ke mna ndithi kuni, Maningakhe nifunge nto; nokuba lizulu, ngokuba yitrone kaThixo; |
| 35. | nokuba lihlabathi eli, ngokuba sisihlalo seenyawo zakhe; nokuba yiYerusalem, ngokuba ngumzi woKumkani omkhulu. |
| 36. | Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenamandla okwenza nalunye unwele lube mhlophe, nokuba lube mnyama. |
| 37. | Ilizwi lenu ke malibe nguewe, ewe; nguhayi, hayi. Okugqithe koko ke kuvela kokungendawo. |
| 38. | Nivile ukuba kwathiwa, Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo ngezinyo. |
| 39. | Ke mna ndithi kuni, Maningasunduzani nokungendawo; yithi osukuba ekutywakraza esidleleni sakho sokunene, umguqulele nesinye eso. |
| 40. | Nalowo ufuna ukukumangalela, akuhluthe ingubo yangaphantsi, myekele neyokwaleka. |
| 41. | Nosukuba ekunyanzelela imayile enye, hamba naye zibe mbini. |
| 42. | Mphe lowo ukucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungamnikeli umva. |
| 43. | Nivile ukuba kwathiwa, Uze umthande ummelwane wakho, uluthiye utshaba lwakho. |
| 44. | Ke mna ndithi kuni, Zithandeni iintshaba zenu, basikeleleni abo baniqalekisayo, benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, nibathandazele abo banigxekayo banitshutshise; |
| 45. | ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini; ngokuba ilanga lakhe elenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo. |
| 46. | Kuba xa nithe nathanda abo banithandayo, ninamvuzo mni na? Abenzi kwaloo nto yini na nababuthi berhafu? |
| 47. | Naxa nithe nabulisa abazalwana benu bodwa, yintoni na egqithiseleyo eniyenzayo? Abenjenjalo yini na nababuthi berhafu? |
| 48. | Ngoko yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile. |
| ← Matthew (5/28) → |