Matthew (28/28)    

1. Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.
2. Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.
3. Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.
4. Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.
5. Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.
6. Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.
7. Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.
8. Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.
9. Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.
10. Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.
11. BakubonÂ’ ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.
12. Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,
13. besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.
14. Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.
15. Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.
16. Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.
17. Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.
18. Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.
19. Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;
20. nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli. Amen.

  Matthew (28/28)