| ← Matthew (24/28) → |
| 1. | Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile. |
| 2. | Wathi ke uYesu kubo, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa. |
| 3. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli? |
| 4. | Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu. |
| 5. | Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu, balahlekise into eninzi. |
| 6. | Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho. |
| 7. | Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo. |
| 8. | Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba. |
| 9. | Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam. |
| 10. | Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane. |
| 11. | Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi. |
| 12. | Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi. |
| 13. | Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa. |
| 14. | Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela. |
| 15. | Xa ke ngoko nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekwakuthethwa lona ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (olesayo makaqiqe), |
| 16. | ngelo xesha mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni. |
| 17. | Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe; |
| 18. | nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe. |
| 19. | Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla! |
| 20. | Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi khona ebusika nangesabatha. |
| 21. | Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo. |
| 22. | Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa. |
| 23. | Ngelo xesha, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya, musani ukuholwa. |
| 24. | Kuba kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. |
| 25. | Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili. |
| 26. | Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Nokuba bathi, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. |
| 27. | Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu. |
| 28. | Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga. |
| 29. | Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe. |
| 30. | Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu. |
| 31. | Wozithuma izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo. |
| 32. | Wufundeni ke umzekeliso kuwo umkhiwane: xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo. |
| 33. | Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango. |
| 34. | Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho. |
| 35. | Liya kudlula izulu nomhlaba, ke wona amazwi am akasayi kudlula. |
| 36. | Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa. |
| 37. | Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu. |
| 38. | Kuba njengokuba babesithi, ngemihla ebingaphambi konogumbe, badle, basele, bazeke, bendise, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa, bengaqondanga, |
| 39. | wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke: koba njalo nokufika koNyana woMntu. |
| 40. | Ngelo xesha ababini boba sentsimini, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe. |
| 41. | Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila, athi omnye amkelwe, omnye ashiywe. |
| 42. | Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu. |
| 43. | Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe. |
| 44. | Ngenxa yoko yibani nilungile nani, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo. |
| 45. | Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? |
| 46. | Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo. |
| 47. | Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. |
| 48. | Ukuba ke umkhonzi lowa ukhohlakeleyo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam ilibele, |
| 49. | ayizi, aqale ababethe abakhonza kunye naye, adle ke, asele nabanxilayo, |
| 50. | iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayikhangeleyo, nangelixa angalaziyo, |
| 51. | imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
| ← Matthew (24/28) → |