| ← Matthew (23/28) → |
| 1. | Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, |
| 2. | esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. |
| 3. | Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi. |
| 4. | Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo. |
| 5. | Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawenze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo. |
| 6. | Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, |
| 7. | nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi. |
| 8. | Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. |
| 9. | Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. |
| 10. | Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. |
| 11. | Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. |
| 12. | Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa. |
| 13. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. |
| 14. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. |
| 15. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. |
| 16. | Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. |
| 17. | Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? |
| 18. | Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala. |
| 19. | Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? |
| 20. | Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. |
| 21. | Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. |
| 22. | Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo. |
| 23. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi. |
| 24. | Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, ke baginye inkamela. |
| 25. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ke ngaphakathi kuzele kukuphanga nokungazeyisi. |
| 26. | MFarisindini uyimfama, hlambulula tanci okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze kuthi okungaphandle kwazo kuhlambuluke nako. |
| 27. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nifana namangcwaba aqatywe ifutha, athi abonakale emahle okunene ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nokungcola konke. |
| 28. | Ngokukwanjalo nani ngaphandle okunene nibonakala kubantu ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasene nomthetho. |
| 29. | Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa, |
| 30. | nithi, Ukuba sasikho thina ngemihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti. |
| 31. | Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti. |
| 32. | Wuzaliseni kambe nani umlinganisela wooyihlo. |
| 33. | Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuwusaba umgwebo wesihogo? |
| 34. | Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; niya kuthi inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni, nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi; |
| 35. | ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni apha, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBherekiya, enambulalela phakathi kwendawo engcwele nesibingelelo. |
| 36. | Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana. |
| 37. | Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma! |
| 38. | Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize. |
| 39. | Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi. |
| ← Matthew (23/28) → |