| ← Matthew (22/28) → |
| 1. | Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi, |
| 2. | Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. |
| 3. | Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka abavuma ukuza. |
| 4. | Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. |
| 5. | Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. |
| 6. | Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. |
| 7. | Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. |
| 8. | Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. |
| 9. | Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. |
| 10. | Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. |
| 11. | Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. |
| 12. | Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenayo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. |
| 13. | Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
| 14. | Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. |
| 15. | Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. |
| 16. | Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. |
| 17. | Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? |
| 18. | Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? |
| 19. | Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo. |
| 20. | Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? |
| 21. | Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo. |
| 22. | Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka. |
| 23. | Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, abathi akukho luvuko; bambuza, |
| 24. | besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe. |
| 25. | Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubonÂ’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe. |
| 26. | Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe. |
| 27. | Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi. |
| 28. | Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? Kuba babenaye bonke. |
| 29. | Waphendula ke uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo. |
| 30. | Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini. |
| 31. | Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, |
| 32. | Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo. |
| 33. | Zathi izihlwele zakukuva, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe. |
| 34. | Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye. |
| 35. | Omnye kubo ongumqondisi-mthetho wambuza emlinga, wathi, |
| 36. | Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na? |
| 37. | Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela. |
| 38. | Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. |
| 39. | Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. |
| 40. | Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti. |
| 41. | BakubonÂ’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wabuza kubo, |
| 42. | esithi, Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Bathi kuye, KaDavide. |
| 43. | Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, |
| 44. | Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? |
| 45. | Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? |
| 46. | Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto. |
| ← Matthew (22/28) → |