| ← Matthew (20/28) → |
| 1. | Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe. |
| 2. | Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe. |
| 3. | Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi. |
| 4. | Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya. |
| 5. | Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo. |
| 6. | Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi? |
| 7. | Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile. |
| 8. | Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala. |
| 9. | Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo. |
| 10. | Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo. |
| 11. | Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu, |
| 12. | besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini. |
| 13. | Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na? |
| 14. | Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako. |
| 15. | Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna? |
| 16. | Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. |
| 17. | Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo, |
| 18. | Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. Baya kumgweba ukuba afe, |
| 19. | bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. |
| 20. | Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye. |
| 21. | Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho. |
| 22. | Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako. |
| 23. | Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo. |
| 24. | Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini. |
| 25. | Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo. |
| 26. | Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; |
| 27. | nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkonzi wenu; |
| 28. | kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi. |
| 29. | BakubonÂ’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu. |
| 30. | Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. |
| 31. | Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. |
| 32. | Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na? |
| 33. | Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu. |
| 34. | Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela. |
| ← Matthew (20/28) → |