← Matthew (18/28) → |
1. | Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu? |
2. | UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo. |
3. | Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu. |
4. | Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu. |
5. | Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna. |
6. | Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle. |
7. | Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso! |
8. | Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luya kukhubekisa, lunqamle, ululahle: kukulungele ukuba ungene ebomini usisiqhwala, mhlawumbi usisilima, kunokuba uthi, unezandla ezibini, mhlawumbi uneenyawo ezimbini, uphoswe emlilweni ongunaphakade. |
9. | Nokuba iliso lakho liya kukhubekisa, lincothule, ulilahle; kukulungele ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo. |
10. | Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, Izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini. |
11. | Kuba uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo. |
12. | Nithini na nina? Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo? |
13. | Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba, zingalahlekanga. |
14. | Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane. |
15. | Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho. |
16. | Ke ukuba uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. |
17. | Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu. |
18. | Inene, ndithi kuni, Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhululwa emazulwini. |
19. | Kanjalo ndithi kuni, Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini. |
20. | Kuba apho bahlanganisene khona egameni lam, nokuba babini nokuba bathathu, ndikho mna apho phakathi kwabo. |
21. | Kwandula kweza uPetros kuye wathi, Nkosi, koba futhi kangaphi na umzalwana wam endona, ndimxolela? Koda kube kasixhenxe na? |
22. | Athi uYesu kuye, Andithi kuwe, koda kube kasixhenxe; ndithi, koda kube kamashumi asixhenxe aphindiweyo kasixhenxe. |
23. | Ngenxa yoko ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owafuna ukubalelana nabakhonzi bakhe. |
24. | Kuthe ke akuqala ukubalelana nabo, kwaziswa kuye omnye onetyala leetalente ezingamawaka alishumi. |
25. | Kuthe ke ekubeni engenanto yakuhlawula, yathi inkosi yakhe, makuthengiswe ngaye, nangomfazi wakhe, nangabantwana bakhe, nangeento zonke anazo, kuhlawulwe. |
26. | Wawa phantsi ngoko umkhonzi lowo, waqubuda kuyo, esithi, Nkosi, khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. |
27. | Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo. |
28. | Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leedenariyo ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndihlawule ityala onalo. |
29. | Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke. |
30. | Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo. |
31. | Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo. |
32. | Yaza inkosi yakhe, imbizele kuyo, yathi kuye, Mkhonzindini ungendawo, ndakuxolela lonke elaa tyala, ekubeni wandibongo zayo; |
33. | ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kokhonza kunye nawe, njengokuba nam bendinenceba kuwe? |
34. | Yaqumba inkosi yakhe, yamnikela kubathuthumbisi, ade alihlawule lonke ityala lakhe kuyo. |
35. | Wothi noBawo wasemazulwini enjenjalo kuni, ukuba anithanga nonke ngabanye nabaxolela abazalwana benu iziphoso zabo ngeentliziyo zenu. |
← Matthew (18/28) → |