← Matthew (16/28) → |
1. | Baza bafika abaFarisi nabaSadusi, bathi, bemlinga, bacela ukuba ababonise umqondiso ophuma emazulwini. |
2. | Waphendula ke wathi kubo, Ngokuhlwa nithi, Liya kusa; kuba izulu limlilo ukuba bomvu. |
3. | Kanjalo kusasa nithi, Namhla luqhwithela; kuba izulu limlilo ukuba bomvu, lisibekele. Bahanahanisindini, nikwazi nje ukubucalula ubuso bezulu, ke yona imiqondiso yamaxesha aninako na ukuyicalula? |
4. | Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti. Wabashiya wemka. |
5. | Bakufika ke abafundi bakhe ngaphesheya, bathi kanti bakulibele ukuphatha izonka. |
6. | Wathi ke uYesu kubo, Ligqaleni nililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi. |
7. | Baye ke bona becamanga phakathi kwabo, besithi, Utsho ngokuba singaphathanga zonka. |
8. | Ekwazi ke oko uYesu, wathi kubo, Ehlani, nina balukholo luncinane! Yini na ukuba nicamange phakathi kwenu, ngokuba ningaphathanga zonka? |
9. | Anikaqiqi na, anizikhumbuli na izonka ezihlanu zamawaka amahlanu, nokuba zazingaphi na izitya enazithabathayo? |
10. | Kwanezonka ezisixhenxe zamawaka amane, nokuba zazingaphi na iingobozi enazithabathayo? |
11. | Yini na le nto ningaqiqiyo, ukuba bendingatsho ngasonka, ukuthi kuni, manililumkele igwele labaFarisi nabaSadusi? |
12. | Bandula ukuqonda, ukuba ubengatsho ukuthi mabalumkele igwele lesonka; ubesithi mabalumkele imfundiso yabaFarisi nabaSadusi. |
13. | Akufika uYesu emacaleni aseKesareya yakwaFilipu, wababuza abafundi bakhe, esithi, Bathi abantu ndingubani na mna, Nyana woMntu? |
14. | Bathi ke bona, Inxenye ithi, unguYohane umbhaptizi; abanye bathi, UnguEliya; bambi bathi, UnguYeremiya, mhlawumbi ungomnye wakubaprofeti. |
15. | Athi kubo, Ke nina nithi ndingubani na? |
16. | Waphendula ke uSimon Petros wathi, Wena unguye uKristu, unyana kaThixo ophilileyo. |
17. | Waphendula uYesu wathi kuye, Unoyolo, Simon kaYona, ngokuba akukutyhilelwanga oku yinyama negazi, ukutyhilelwe nguBawo osemazulwini. |
18. | Nam ke, ndithi kuwe, UnguPetros wena; ndiya kulakhela phezu kolu lwalwa ibandla lam, namasango elabafileyo akayi kuloyisa. |
19. | Ndiya kukunika izitshixo zobukumkani bamazulu; kuthi ke othe wakubopha emhlabeni, kubopheke emazulwini; kuthi othe wakukhulula emhlabeni, kukhululeke emazulwini. |
20. | Wabayala abafundi bakhe, ukuba bangaxeleli bani ukuba yena unguYesu uKristu. |
21. | Waqalela kwelo xa uYesu ukubabonisa abafundi bakhe, okokuba umelwe kukuba aye eYerusalem, eve ubunzima obukhulu kuwo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu, nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu avuke. |
22. | Wathi uPetros emthabathele kuye, waqala ukumkhalimela, esithi, Makube camagu kuwe Nkosi; oko akuyi kukha kubekho kuwe. |
23. | Wajika ke wathi kuPetros, Suka uye emva kwam, Sathana, usisikhubekiso kum; ngokuba ungazinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekela ezabantu. |
24. | Wandula wathi uYesu kubafundi bakhe, Ukuba kukho othanda ukundilandela, makazincame ngokwakhe, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele. |
25. | Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowufumana. |
26. | Kuba, kumnceda ntoni na umntu, ukuba uthe wazuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ke ngumphefumlo wakhe? Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe? |
27. | Kuba uNyana woMntu uza kuza esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe, andule ukubavuza bonke ngabanye ngokokwenza kwabo. |
28. | Inene, ndithi kuni, Kwabemiyo apha kukho abangayi kukha beve kufa, bade bambone uNyana woMntu esiza, esebukumkanini bakhe. |
← Matthew (16/28) → |