| ← Matthew (14/28) → |
| 1. | Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu, |
| 2. | wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye. |
| 3. | Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe. |
| 4. | Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye. |
| 5. | Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti. |
| 6. | Ke kaloku, kwakubonÂ’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa esazulwini, yamkholisa uHerode. |
| 7. | Ekuthe ke koko wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo. |
| 8. | Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. |
| 9. | Wesuka ukumkani waba buhlungu; ke, ngenxa yezifungo ezo nangenxa yabo babehleli ngasesithebeni naye, watsho ukuthi mayiyinikwe. |
| 10. | Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho. |
| 11. | Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina. |
| 12. | Bafika abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu. |
| 13. | Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa. Zivile ke izihlwele, zamlandela ngeenyawo, zivela emizini. |
| 14. | Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo. |
| 15. | Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, zimke ziye emizaneni, zizithengele ukudla. |
| 16. | Uthe ke kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye. |
| 17. | Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini. |
| 18. | Wathi ke yena, Ziziseni kum apha. |
| 19. | Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni; wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waqhekeza, wazinika abafundi izonka ezo; ke abafundi banika izihlwele. |
| 20. | Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, zalishumi elinazibini izitya zizele. |
| 21. | Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana. |
| 22. | Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena. |
| 23. | Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa. |
| 24. | Ke kaloku umkhombe ubuseluphakathi kolwandle, untsilwa ngamaza; kuba umoya ubuvela ngaphambili. |
| 25. | Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle. |
| 26. | Bathe bakumbona abafundi ehamba phezu kolwandle, bakhathazeka, besithi, Ngumshologu; bakhaliswa kukoyika. |
| 27. | Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim, musani ukoyika. |
| 28. | UPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi. |
| 29. | Wathi ke yena, Yiza. Ehlile uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu. |
| 30. | Ke kaloku, ebona umoya unamandla, woyika; waza eqala ukutshona wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise. |
| 31. | Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na? |
| 32. | Bakungena emkhombeni, wadamba umoya. |
| 33. | Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo. |
| 34. | Bakuwela, bafika emhlabeni waseGenesarete. |
| 35. | Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla. |
| 36. | Bazisa kuye bonke abafayo, bambongoza ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye. |
| ← Matthew (14/28) → |