| ← Matthew (13/28) → |
| 1. | Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. |
| 2. | Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni. |
| 3. | Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. |
| 4. | Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. |
| 5. | Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba; |
| 6. | zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. |
| 7. | Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa. |
| 8. | Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu. |
| 9. | Lowo uneendlebe zokuva makeve. |
| 10. | Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? |
| 11. | Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. |
| 12. | Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. |
| 13. | Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. |
| 14. | Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde; Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe; |
| 15. | Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; Hleze babone ngamehlo, Beve ngeendlebe, Baqonde ngentliziyo, Bajike, Ndibaphilise. |
| 16. | Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. |
| 17. | Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuziva izinto enizivayo, abaziva. |
| 18. | Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: |
| 19. | akubonÂ’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni. |
| 20. | Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; |
| 21. | abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. |
| 22. | Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. |
| 23. | Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu. |
| 24. | Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. |
| 25. | Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. |
| 26. | Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. |
| 27. | Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza? |
| 28. | Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? |
| 29. | Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. |
| 30. | Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam. |
| 31. | Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe; |
| 32. | lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo. |
| 33. | Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela. |
| 34. | Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo; |
| 35. | ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam, Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi. |
| 36. | Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. |
| 37. | Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; |
| 38. | intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; |
| 39. | utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. |
| 40. | Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. |
| 41. | UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; |
| 42. | zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
| 43. | Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve. |
| 44. | Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi. |
| 45. | Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle; |
| 46. | owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga. |
| 47. | Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; |
| 48. | abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. |
| 49. | Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, |
| 50. | zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. |
| 51. | Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. |
| 52. | wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufa na nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala. |
| 53. | Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. |
| 54. | Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? |
| 55. | Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? |
| 56. | Noodade bakhe abakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? |
| 57. | Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo. |
| 58. | Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo. |
| ← Matthew (13/28) → |