Matthew (12/28)  

1. Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla.
2. Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.
3. Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye;
4. okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa?
5. Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?
6. Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.
7. Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.
8. Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha.
9. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.
10. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.
11. Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
12. Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha.
13. Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye.
14. Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise.
15. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
16. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
17. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
18. Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
19. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni.
20. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;
21. Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.
22. Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona.
23. Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo?
24. Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon.
25. Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma.
26. Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe?
27. Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona.
28. Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
29. Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo?
30. Lowo kum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha.
31. Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu.
32. Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.
33. Wenzeni mhle umthi, nesiqhama sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.
34. Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
35. Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.
36. Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo;
37. kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.
38. Kwaza kwaphendula abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, singa singabona umqondiso uvela kuwe.
39. Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
40. Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.
41. Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha.
42. Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
43. Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.
44. Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe.
45. Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.
46. AkubonÂ’ ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.
47. Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.
48. Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam?
49. Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam;
50. kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.

  Matthew (12/28)