| ← Matthew (12/28) → |
| 1. | Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla. |
| 2. | Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha. |
| 3. | Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye; |
| 4. | okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa? |
| 5. | Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko? |
| 6. | Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha. |
| 7. | Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala. |
| 8. | Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha. |
| 9. | Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu. |
| 10. | Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. |
| 11. | Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? |
| 12. | Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha. |
| 13. | Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye. |
| 14. | Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise. |
| 15. | Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke. |
| 16. | Wabakhalimela ukuba bangamtyhili; |
| 17. | ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, |
| 18. | Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. |
| 19. | Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni. |
| 20. | Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; |
| 21. | Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga. |
| 22. | Kwaza kwaziswa kuye ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge; wamphilisa, wada lowo uyimfama usisidenge wathetha, wabona nokubona. |
| 23. | Zathi nqa ke zonke izihlwele, zathi, Ngunyana kaDavide kanti na lo? |
| 24. | Kodwa bona abaFarisi, bakuva, bathi, Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela kungoBhelezebhule, umphathi weedemon. |
| 25. | Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza, nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayisayi kuma. |
| 26. | Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe? |
| 27. | Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? Ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona. |
| 28. | Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo. |
| 29. | Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha, andule ke ukuyiphanga indlu yalo? |
| 30. | Lowo kum uchasene nam, nalowo ungandibuthisiyo uyachithachitha. |
| 31. | Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa khona ukumnyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu. |
| 32. | Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo. |
| 33. | Wenzeni mhle umthi, nesiqhama sawo sibe sihle; nithi mhlawumbi niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; kuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo. |
| 34. | Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? Kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo. |
| 35. | Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo. |
| 36. | Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; |
| 37. | kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa. |
| 38. | Kwaza kwaphendula abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, singa singabona umqondiso uvela kuwe. |
| 39. | Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; ke asiyi kunikwa mqondiso, ungenguwo umqondiso kaYona umprofeti. |
| 40. | Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu, kwangokunjalo, uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba. |
| 41. | Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ke omkhulu kunoYona nanku apha. |
| 42. | Ukumkanikazi welasezantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; kanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha. |
| 43. | Xa uthe ke waphuma umoya ongcolileyo emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani. |
| 44. | Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe. |
| 45. | Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe; kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo. |
| 46. | AkubonÂ’ ukuba usathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye. |
| 47. | Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe. |
| 48. | Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam? |
| 49. | Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam; |
| 50. | kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma. |
| ← Matthew (12/28) → |