← Matthew (11/28) → |
1. | Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo. |
2. | Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe, |
3. | wathi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na? |
4. | Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo: |
5. | iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo. |
6. | Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim. |
7. | BakubonÂ’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya? |
8. | Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona. |
9. | Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti. |
10. | Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. |
11. | Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye. |
12. | Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe. |
13. | Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane. |
14. | Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika. |
15. | Lowo uneendlebe zokuva makeve. |
16. | Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana namakhwenkwana ehleli ezindaweni zembutho, ekhwaza abalingane bawo, |
17. | esithi, Sanigwalela, naza nina anaduda; sanihlabela isililo, naza nina anambambazela. |
18. | Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon. |
19. | UNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ubulumko bugwetyelwe kokuvela ebantwaneni babo. |
20. | Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga, esithi, |
21. | Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, inge yaguquka kudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo nangothuthu. |
22. | Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani. |
23. | Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla. |
24. | Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe. |
25. | Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yamazulu nehlabathi, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana; |
26. | ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo. |
27. | Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, kuphela nguYise; akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo athi uNyana athande ukumtyhilela. |
28. | Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla. |
29. | Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. |
30. | Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula. |
← Matthew (11/28) → |