| ← Matthew (10/28) → |
| 1. | Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke. |
| 2. | Amagama ke abapostile abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu; |
| 3. | uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu; |
| 4. | uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo. |
| 5. | Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya; |
| 6. | yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli. |
| 7. | Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele. |
| 8. | Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa. |
| 9. | Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu; |
| 10. | nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe. |
| 11. | Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke. |
| 12. | Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise. |
| 13. | Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni. |
| 14. | Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu. |
| 15. | Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. |
| 16. | Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga. |
| 17. | Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu; |
| 18. | naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga. |
| 19. | Xa sukuba ke beninikela, ize ningaxhaleli ukuba nothetha ngakuphi na, nokuba nothetha ntoni na; kuba niya kunikwa ngelo lixa oko nothetha khona. |
| 20. | Kuba asinini abathethayo, nguMoya kaYihlo othethayo ngaphakathi kwenu. |
| 21. | Ke kaloku umzalwana uya kunikela umzalwana ekufeni, aze uyise anikele umntwana; bathi nabantwana basuke phezu kwabazali bababulalisise; |
| 22. | niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam; ke onyamezelayo kwada kwaba kwasekupheleni, uya kusindiswa yena. |
| 23. | Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi; kuba inene ndithi kuni, Aniyi kukha niyigqibe imizi yakwaSirayeli, engekafiki uNyana woMntu. |
| 24. | Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe, akukho mkhonzi mkhulu kunenkosi yakhe. |
| 25. | Kumanele umfundi ukuba abe njengomfundisi wakhe, nomkhonzi ukuba abe njengenkosi yakhe. Ukuba umninindlu bambize ngoBhelezebhule, akukhona bobabiza ngaye yini na abo bendlu yakhe? |
| 26. | Musani ukuboyika ngoko; kuba akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa. |
| 27. | Oko ndikuthetha kuni emnyameni, kuxeleni emhlotsheni; noko nikuvayo endlebeni, kumemezeni phezu kwezindlu. |
| 28. | Ningaboyiki abo babulala umzimba, kodwa bengenako ukuwubulala wona umphefumlo; yoyikani ke kanye lowo unako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni somlilo. |
| 29. | Abathengiswa ngepeni na oongqatyana ababini? Kanti akuyi kuwa namnye kubo emhlabeni ngaphandle koYihlo. |
| 30. | Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. |
| 31. | Musani ukoyika ngoko; nibagqithile oongqatyana abaninzi nina. |
| 32. | Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. |
| 33. | Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini. |
| 34. | Ningabi ndize kungenisa uxolo emhlabeni; andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele. |
| 35. | Kuba ndize kubambanisa umntu noyise, intombi nonina, umolokazana noninazala. |
| 36. | Zaye iintshaba zomntu ziya kuba ngabendlu yakhe. |
| 37. | Lowo uthanda uyise nokuba ngunina kunam, akandifanele mna; nalowo uthanda unyana wakhe nokuba yintombi yakhe kunam, akandifanele mna. |
| 38. | Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna. |
| 39. | Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana. |
| 40. | Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo. |
| 41. | Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa. |
| 42. | Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe. |
| ← Matthew (10/28) → |