| ← Mark (9/16) → |
| 1. | Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. |
| 2. | Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo. |
| 3. | Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako. |
| 4. | Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. |
| 5. | Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. |
| 6. | Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu. |
| 7. | Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. |
| 8. | Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo. |
| 9. | Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu. |
| 10. | Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. |
| 11. | Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci? |
| 12. | Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto. |
| 13. | Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye. |
| 14. | Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo. |
| 15. | Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa. |
| 16. | Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo? |
| 17. | Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; |
| 18. | apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa. |
| 19. | Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum. |
| 20. | Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu. |
| 21. | Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana; |
| 22. | umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba unako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi. |
| 23. | Wathi ke uYesu kuye, Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo. |
| 24. | Wakhala kwaoko uyise womntwana lowo, wathi eneenyembezi, Ndiyakholwa, Nkosi; siza, ususe ukungakholwa kwam. |
| 25. | Uthe ke uYesu, ebone ukuba isihlwele sibalekela ndaweni-nye, wawukhalimela umoya ongcolileyo, esithi kuwo, Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye. |
| 26. | Wakhala wona, wambetha wee xhwenene kunene, waphuma; waba njengofileyo, bada abaninzi bathi, Ufile. |
| 27. | Uthe ke uYesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema. |
| 28. | Eye kungena endlwini, bambuza abafundi bakhe ngasese, besithi, Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina? |
| 29. | Wathi kubo, Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla. |
| 30. | Bephumile apho, babehamba becanda kwelaseGalili; wayengathandi ukuba kwazi bani; |
| 31. | kuba wayebafundisa abafundi bakhe, esithi kubo, UNyana woMntu unikelwa ezandleni zabantu; baya kumbulala; uya kuthi ebulewe, abuye avuke ngomhla wesithathu. |
| 32. | Baye bengakuqondi oko kuthetha; baye besoyika nokumbuza. |
| 33. | Weza kufika eKapernahum. Akuba esekhaya, wayebabuza esithi, Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni? |
| 34. | Bahlala ke bathi tu; kuba endleleni babephikisene ngokuthi, Ngubani na omkhulu kunabanye? |
| 35. | Akuba ehleli phantsi, wababiza abalishumi elinababini, wathi kubo, Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke. |
| 36. | Uthabathe umntwana, wammisa phakathi kwabo; emwolile, wathi kubo, |
| 37. | Othe wamkela noko amnye wabantwana abanje, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo. |
| 38. | Ke kaloku uYohane wamphendula, esithi, Mfundisi, sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina. |
| 39. | Wathi ke uYesu, Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egameni lam, aze ahle abe nako ukuthetha kakubi ngam. |
| 40. | Kuba ongachaseneyo nathi, ungecala lethu. |
| 41. | Kuba othe waniseza nendebe le yamanzi egameni lam, ngokuba ningabakaKristu, inene ndithi kuni, akasayi kuphulukana nomvuzo wakhe. |
| 42. | Nothe wakhubekisa noko amnye wabancinane abakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe, waphoswa elwandle. |
| 43. | Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, |
| 44. | apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. |
| 45. | Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi, uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, |
| 46. | apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. |
| 47. | Nokuba iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe lona; kukulungele kanye ukungena ebukumkanini bukaThixo unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo, |
| 48. | apho kumpethu ingafiyo, kumlilo ungacinywayo. |
| 49. | Kuba bonke baya kugalelwa ityuwa ngomlilo, athi onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa. |
| 50. | Ityuwa ilungile yona; ke ukuba ithe ityuwa ayaba nabutyuwa, noyivakalisa ngantoni na? Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye komnye. |
| ← Mark (9/16) → |