| ← Mark (7/16) → |
| 1. | Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem; |
| 2. | bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola. |
| 3. | Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. |
| 4. | Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo. |
| 5. | Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? |
| 6. | Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. |
| 7. | Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. |
| 8. | Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. |
| 9. | Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. |
| 10. | Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa; |
| 11. | ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; |
| 12. | ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; |
| 13. | niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo. |
| 14. | Wayibizela kuye yonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde: |
| 15. | akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu. |
| 16. | Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. |
| 17. | Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo. |
| 18. | Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqiqi na, ukuba konke okungaphandle, okuthi kungene emntwini, akunako ukumenza inqambi? |
| 19. | Ngokuba akungeni khona entliziyweni yakhe; kungena esiswini; ize kuphume kuye endaweni esese, ezihlambululayo zonke izidlo. |
| 20. | Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; |
| 21. | kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala, |
| 22. | oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; |
| 23. | zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu. |
| 24. | Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko. |
| 25. | Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe; |
| 26. | yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo. |
| 27. | Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. |
| 28. | Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana. |
| 29. | Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. |
| 30. | Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo. |
| 31. | Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli. |
| 32. | Bazisa ke isithulu esithintithayo, bambongoza ukuba abeke isandla phezu kwaso. |
| 33. | Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso, |
| 34. | wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka. |
| 35. | Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa. |
| 36. | Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi. |
| 37. | Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe. |
| ← Mark (7/16) → |