| ← Mark (6/16) → |
| 1. | Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe. |
| 2. | Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe? |
| 3. | Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo abakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye. |
| 4. | Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo. |
| 5. | Wayengenako ukwenza na mnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa. |
| 6. | Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa. |
| 7. | Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo; |
| 8. | wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni; |
| 9. | bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini. |
| 10. | Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. |
| 11. | Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. |
| 12. | Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu. |
| 13. | Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa. |
| 14. | Ke kaloku wakuva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye. |
| 15. | Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti. |
| 16. | Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo. |
| 17. | Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile. |
| 18. | Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho. |
| 19. | Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako; |
| 20. | kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi. |
| 21. | Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheli-waka, namanene elaseGalili, |
| 22. | yakubonÂ’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha. |
| 23. | Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam. |
| 24. | Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi. |
| 25. | Yeza kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. |
| 26. | Waba buhlungu kakhulu ukumkani; noko, ngenxa yezifungo zakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela. |
| 27. | Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni. |
| 28. | Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina. |
| 29. | Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni. |
| 30. | Bathi bahlanganisana abapostile kuYesu, bambikela iinto zonke, ezo babezenzile, kwanezo babezifundisile. |
| 31. | Wathi kubo, Yizani nina ngasese kwindawo eyintlango, niphumle kancinane; kuba bebaninzi abezayo nabemkayo; babengenalo ke nethutyana lokuba badle. |
| 32. | Bemka ngomkhombe ngasese, baya kwindawo eyintlango. |
| 33. | Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye. |
| 34. | Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi. |
| 35. | Kuthi kwakubonÂ’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; |
| 36. | bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo. |
| 37. | Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle? |
| 38. | Uthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini. |
| 39. | Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza. |
| 40. | Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu. |
| 41. | Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. |
| 42. | Badla ke bonke bahlutha. |
| 43. | Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi. |
| 44. | Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda. |
| 45. | Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. |
| 46. | Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. |
| 47. | Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni. |
| 48. | Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo. |
| 49. | Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; |
| 50. | kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. |
| 51. | Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; |
| 52. | kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. |
| 53. | Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni. |
| 54. | Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu; |
| 55. | bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. |
| 56. | Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa. |
| ← Mark (6/16) → |