| ← Mark (5/16) → | 
| 1. | Bafika phesheya kolwandle kummandla wabaseGadara. | 
| 2. | Akuba ephumile emkhombeni, wahlangatyezwa kwaoko ngumntu onomoya ongcolileyo, ephuma emangcwabeni, | 
| 3. | obehlala emangcwabeni apho. Kwaye kungekho bani unako ukumbopha nangemixokelelwane; | 
| 4. | ngenxa yokuba wayebotshwe futhi ngamakhamandela nangemixokelelwane, asuke ayijace yena imixokelelwane, awakroboze namakhamandela; kwaye kungekho bani unamandla okumdambisa. | 
| 5. | Ube ehlala ubusuku nemini esezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezijeca ngamatye. | 
| 6. | Uthe ke akumbona UYesu ekude, wagidima, waya waqubuda kuye, | 
| 7. | wakhala ngezwi elikhulu, wathi, Yini na enam nawe, Yesu, Nyana kaThixo Osenyangweni? Ndiya kufungisa uThixo ukuba ungandithuthumbisi. | 
| 8. | Kuba ebethe kuye, Phuma emntwini apho, moyandini ungcolileyo. | 
| 9. | Wayembuza esithi, Ungubani na wena igama? Waphendula esithi, NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi. | 
| 10. | Waye ke embongoza kakhulu ukuba angabandululi bemke kwelo zwe. | 
| 11. | Bekukho ke apho ngasezintabeni ugxuba olukhulu lweehagu lusidla. | 
| 12. | Zambongoza zonke iidemon, zisithi, Sithumele ezihagwini, ukuze singene kuzo. | 
| 13. | Wazivumela kwaoko uYesu. Baphuma ke oomoya abangcolileyo, baya kungena ezihagwini; lwaza ugxuba lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zaye ke iihagu ezo ngathi zimawaka mabini; zarhaxwa elwandle apho. | 
| 14. | Bathe ke abo babezalusa iihagu basaba, babika ekhaya nasemaphandleni. Baphuma ke baya kuyibona loo nto ihlileyo, ukuba iyintoni na. | 
| 15. | Bafike kuYesu, bambone obephethwe ziidemon, lowo ke wayenomkhosi, ehleli, ambathisiwe, enengqondo ephilileyo; baza boyika. | 
| 16. | Abo babeyibonile le nto babacokisela, ukuba kuthekeni na kobephethwe ziidemon; kwanokweehagu. | 
| 17. | Baqala ukumbongoza ukuba emke emideni yabo. | 
| 18. | AkubonÂ’ ukuba ungene emkhombeni, wathi lowo ubephethwe ziidemon wambongoza ukuba abe naye. | 
| 19. | Kodwa uYesu akamvumelanga. Usuke wathi kuye, Hamba, uye endlwini yakho kwabakowenu, ubabikele oko zingako ukuba zinkulu izinto ekwenzele zona iNkosi, yaba nenceba engaka kuwe. | 
| 20. | Wemka, waqala ukuzivakalisa eDekapoli oko zingako ukuba zinkulu izinto uYesu abemenzele zona; bamangaliswa bonke. | 
| 21. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uYesu uwelile ngomkhombe, wabuya weza kwelinye icala, kwahlanganisana kuye isihlwele esikhulu; waye engaselwandle apho. | 
| 22. | Kubonakele kusiza omnye wakubaphathi bendlu yesikhungu, ogama linguYayiro; athi akumbona, awe ezinyaweni zakhe, | 
| 23. | ambongoze kunene, esithi, Intombazana yam isindekile; khawuze uzibeke izandla phezu kwayo, ukuze isindiswe; yophila. | 
| 24. | Wesuka wahamba naye; yaye indimbane enkulu imlandela, imxinile. | 
| 25. | Intokazi ethile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini, | 
| 26. | eyayive ubunzima obuninzi kumagqirha amaninzi, eyayidleke konke ebinako, ingasizakali lutho, imana ukuba mandundu: | 
| 27. | yathi yakuva ngaye uYesu, yeza phakathi kwesihlwele ngasemva, yayichukumisa ingubo yakhe; | 
| 28. | kuba ibisithi, Ukuba ndithe ndachukumisa neengubo zakhe ezi, ndosindiswa. | 
| 29. | Watsha kwaoko umthombo wegazi layo; yeva emzimbeni wayo ukuba iphilisiwe kweso sibetho. | 
| 30. | UYesu, ethe kwaoko wawazi ngaphakathi kwakhe amandla aphume kuye, wajika esendimbaneni, wathi, Ngubani na ochukumise iingubo zam? | 
| 31. | Bathi kuye abafundi bakhe, Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, utsho na ukuthi, Ngubani na ondichukumisileyo? | 
| 32. | Wasingasinga, ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. | 
| 33. | Ithe ke intokazi leyo, isoyika, igubha, ikwazi oko kwenzekileyo kuyo, yeza yawa phantsi kuye, yamxelela inyaniso yonke. | 
| 34. | Wathi ke kuyo, Ntombi yam, ukholo lwakho lukusindisile; hamba unoxolo, phila kweso sibetho sakho. | 
| 35. | Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? | 
| 36. | Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena. | 
| 37. | Akavumela mntu ukuba alandelane naye, kwakuphela nguPetros noYakobi noYohane, umzalwana kaYakobi. | 
| 38. | Afike endlwini yomphathi wendlu yesikhungu, abone isiphithiphithi, abalilayo nabenza isijwili esikhulu. | 
| 39. | Akungena uthi kubo, Yini na ukuba niphithizele nilile? Akafile umntwana, ulele. | 
| 40. | Basuka bamwa ngentsini. Athi akubakhupha bona bonke, amthabathe uyise womntwana nonina, nabo babenaye, angene apho wayelele khona umntwana. | 
| 41. | Ambambe ngesandla umntwana, athi kuye, Talita, kumi; oko kukuthi, ngentetho evakalayo, Ntombazana, ndithi kuwe, Vuka! | 
| 42. | Yavuka kwaoko intombazana leyo, yahambahamba; kuba ibiminyaka ilishumi elinamibini izelwe. Bathi nqa ngokuthi nqa okukhulu. | 
| 43. | Wabayala kakhulu ukuba kungaziwa mntu oku; watsho nokuthi, mayiphiwe idle. | 
| ← Mark (5/16) → |