| ← Mark (3/16) → | 
| 1. | Wabuya wangena endlwini yesikhungu. Kwaye kukho apho umntu onesandla esomileyo. | 
| 2. | Baye bemlalele, ukuba womphilisa na ngesabatha, ukuze bammangalele. | 
| 3. | Athi kuloo mntu unesandla esomileyo, Phakama uze phakathi. | 
| 4. | Athi kubo, Okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa, kukubulala, kusini na? Ke bahlala bathi tu. | 
| 5. | Akuba ebasingasingile ngengqumbo, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yabo, uthi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye. | 
| 6. | Baphuma abaFarisi, benza kwaoko ibhunga namaHerode ngaye, lokuba bamtshabalalise. | 
| 7. | Wemka uYesu nabafundi bakhe, waya elwandle; yamlandela inkitha eninzi, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaYuda, | 
| 8. | naseYerusalem, nakwelakwaIdume, naphesheya kweYordan; nabo bangaseTire nabaseTsidon, inkitha eninzi; bathi, bakuva izinto ezinkulu abezenza, beza kuye. | 
| 9. | Wathi kubafundi bakhe, umkhonjana mawuhlale umlindile ngenxa yezihlwele, ukuze bangamxini. | 
| 10. | Kuba waphilisa babaninzi, ngokokude bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise bonke ababenezibetho; | 
| 11. | nabo oomoya abangcolileyo babesithi, xa sukuba bembona, bawe phantsi kuye, bakhale, besithi, Unguye wena uNyana kaThixo. | 
| 12. | Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili. | 
| 13. | Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye. | 
| 14. | Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo, | 
| 15. | babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon. | 
| 16. | YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros; | 
| 17. | yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo; | 
| 18. | yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan, | 
| 19. | noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha. | 
| 20. | Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka. | 
| 21. | Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Uyageza. | 
| 22. | Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon. | 
| 23. | Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? | 
| 24. | Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; | 
| 25. | nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; | 
| 26. | noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. | 
| 27. | Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo. | 
| 28. | Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; | 
| 29. | ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. | 
| 30. | Watsho kuba besithi, Unomoya ongcolileyo. | 
| 31. | Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza. | 
| 32. | Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. | 
| 33. | Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? | 
| 34. | Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam. | 
| 35. | Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma. | 
| ← Mark (3/16) → |