| ← Mark (11/16) → |
| 1. | Ke kaloku, xa basondelayo eYerusalem, eBhetefage naseBhetani, besingisa eNtabeni yemiNquma, ususa babe babini kubafundi bakhe, |
| 2. | athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi ningena kuwo, nibe senifumana ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise. |
| 3. | Nokuba ubani uthe kuni, Yini na ukuba nikwenze oko? nothi, Liyafuneka eNkosini; wothi kwaoko ke alithumele apha. |
| 4. | Basuka ke baya, balifumana ithole libotshelelwe ngasemnyango ngaphandle, ekuhlanganeni kweendlela; balikhulula. |
| 5. | Baye abathile kwababemi khona besithi kubo, Nenza ntoni na, nilikhulula nje ithole? |
| 6. | Bathetha ke kubo njengoko uYesu ebebawisele umthetho ngako; baza babayeka. |
| 7. | Balizisa ithole kuYesu; baziphosa iingubo zabo phezu kwalo; wahlala phezu kwalo. |
| 8. | Ke kaloku abaninzi bazandlala iingubo zabo endleleni; baye ke abanye bexhuzula amahlamvu emithini, bewandlala endleleni. |
| 9. | Baye abo babehamba ngaphambili, nabo babelandela, bedanduluka, besithi, Hosana; makabongwe lo uzayo egameni leNkosi. |
| 10. | Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni! |
| 11. | Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini. |
| 12. | Uthe ngengomso, bakubon ukuba baphumile eBhetani, walamba. |
| 13. | Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane. |
| 14. | Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe. |
| 15. | Bafika eYerusalem. Waza uYesu, eye kungena etempileni, waqala wabakhupha ababethengisa nababethenga etempileni; wathi neetafile zabanani bemali nezihlalo zabathengisa ngamahobe wazibhukuqa. |
| 16. | Wayengavumi ukuba kubekho ucanda etempileni ethwele isitya. |
| 17. | Wayefundisa, esithi kubo, Akubhaliwe na kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza iintlanga zonke? Ke nina niyenze umqolomba wezihange. |
| 18. | Beva ababhali nababingeleli abakhulu; baye befuna ukuba bangathini na ukumtshabalalisa; kuba babemoyika yena, ngokuba indimbane yonke ibikhwankqisiwe yimfundiso yakhe. |
| 19. | Uthe ke kwakuhlwa waphuma, waya ngaphandle komzi. |
| 20. | Bathi bedlula kusasa, bawubona umkhiwane lowo womile, uthabathele kwasezingcanjini. |
| 21. | Ekhumbule uPetros, uthi kuye, Rabhi, khangela umkhiwane obuwuqalekisile womile. |
| 22. | Uphendule uYesu wathi kubo, Yibani nokukholwa kuThixo. |
| 23. | Kuba inene ndithi kuni, Othe kule ntaba, Funquleka, uphoseke elwandle, angathandabuzi entliziyweni yakhe, asuke akholwe ukuba ezo zinto azithethayo zinokwenzeka, wokuzuza oko athe wakuthetha. |
| 24. | Ngenxa yoko ndithi kuni izinto enisukuba nizicela, nithandaza, kholwani ukuba ninokuzamkela; noba nazo. |
| 25. | Naxa sukuba nimi nithandaza, ukuba ninendawo ngakothile, mxoleleni, ukuze noYihlo osemazulwini anixolele iziphoso zenu. |
| 26. | Ke, ukuba anixoleli nina, naye uYihlo osemazulwini akasayi kunixolela iziphoso zenu. |
| 27. | Babuya beza eYerusalem; kuthi, akubon ukuba uyahamba etempileni, kuze kuye ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu; |
| 28. | bathi kuye, Uzenza ezi zinto ngagunya lini na? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya lokuze ezi zinto uzenze? |
| 29. | Waphendula ke uYesu, wathi kubo, Nam ndiya kunibuza zwi-nye, ze nindiphendule; ndonixelela ke, ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. |
| 30. | Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? Ndiphenduleni. |
| 31. | Baye becamanga phakathi kwabo, besithi, Ukuba sithe, Lwaluphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? |
| 32. | Kodwa ukuba sithe, Lwaluphuma ebantwinibabesoyika abantu; kuba bonke babebambe ukuthi uYohane ubengumprofeti inene. |
| 33. | Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Aphendule uYesu athi kubo, Nam andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. |
| ← Mark (11/16) → |