Mark (1/16) → |
1. | Ukuqaleka kwayo ivangeli kaYesu Kristu, uNyana kaThixo. |
2. | Njengoko kubhaliweyo ebaprofetini, kwathiwa, Yabona, mna ndithuma umthunywa wam ngaphambi kobuso bakho, Oya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho. |
3. | Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Wulungiseni umendo weNkosi; Zityenenezeni iindlela zayo! |
4. | Kwaye kukho uYohane, ebhaptiza entlango, evakalisa ubhaptizo lwenguquko, ukuze kuxolelwe izono. |
5. | Laye liphuma lisiya kuye lonke ilizwe lakwaYuda nabaseYerusalem; baye bonke bebhaptizwa nguye eYordan emlanjeni, bezixela izono zabo. |
6. | Waye ke kaloku uYohane ambethe uboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe, abe ke esidla iinkumbi nobusi basendle. |
7. | Wayememeza esithi, Emva kwam kuza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndithobe phantsi, ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe. |
8. | Mna okunene ndanibhaptiza ngamanzi, ke yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele. |
9. | Kwathi ngaloo mihla kweza uYesu, evela eNazarete yelaseGalili, wabhaptizwa nguYohane eYordan apho. |
10. | Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. |
11. | Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye. |
12. | Uthi kwaoko uMoya amkhuphele entlango. |
13. | Waye esentlango apho iintsuku ezimashumi mane, ehendwa nguSathana; waye endawonye namarhamncwa; zaye izithunywa zezulu zimlungiselela. |
14. | Ke kaloku emveni kokufakwa kukaYohane entolongweni, weza uYesu kwelaseGalili, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo, |
15. | esithi, Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani, nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi. |
16. | Uthe ke, ehamba ngaselwandle lwaseGalili, wabona uSimon, noAndreya umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; ngokuba babengababambisi beentlanzi. |
17. | Wathi kubo uYesu, Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu. |
18. | Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela. |
19. | Uhambele phambili kancinane esuka apho, wabona uYakobi, lo kaZebhedi, noYohane, umzalwana wakhe, besemkhombeni wabo, beyilungisa iminatha yabo. |
20. | Wababiza kwaoko; bamshiya uyise uZebhedi emkhombeni enabaqeshwa, besuka bamlandela. |
21. | Bangena eKapernahum. Engene kwaoko ngesabatha endlwini yesikhungu, wafundisa. |
22. | Bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali. |
23. | Kwaye kukho endlwini yabo yesikhungu umntu onomoya ongcolileyo; wakhala, |
24. | esithi, Yoo! Yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo. |
25. | Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. |
26. | Uthe umoya ongcolileyo wambetha wee xhwenene; wakhala ngezwi elikhulu, waphuma kuye. |
27. | Baqhiphuka umbilini bonke, ngokokude babuzisane, besithi, Yintoni na le nto? Le mfundiso intsha yiyiphi na, le nto noomoya abangcolileyo aba abathethela ngegunya, bamlulamele? |
28. | Lwaphuma ke kwaoko udumo lwakhe; lwaya kuwo wonke ummandla welaseGalili. |
29. | Kwaoko, bakuphuma endlwini yesikhungu, bangena endlwini kaSimon noAndreya, benoYakobi noYohane. |
30. | Ke kaloku umkhwekazi kaSimon wayelele, esifa yicesina; bamxelela ngaye kwaoko. |
31. | Weza ke kuye, wamvusa embambe ngesandla; yamyeka kwaoko icesina, wabalungiselela. |
32. | Ke kaloku, kwakuhlwa, xa litshonayo ilanga, bazisa kuye bonke ababesifa, nababephethwe ziidemon. |
33. | Waye umzi wonke uhlanganisene ndawonye emnyango apho. |
34. | Waphilisa babaninzi ababesifa zizifo ngezifo; wakhupha needemon ezininzi; waye engazivumeli iidemon ukuba zithethe, kuba bezimazi. |
35. | Uthe kusasa, kusemnyama kakhulu, wavuka, waphuma waya endaweni eyintlango, wathandaza khona apho. |
36. | Bamphuthuma ooSimon nabo babenaye. |
37. | Bemfumene bathi kuye, Bonke bayakufuna. |
38. | Athi kubo, Masihambe siye emizini ekufuphi, ukuze nakhona ndivakalise iindaba ezilungileyo, kuba ndiphumele oko. |
39. | Wayevakalisa ke ezindlwini zabo zesikhungu kulo lonke elaseGalili, ezikhupha needemon. |
40. | Kweza kuye oneqhenqa, embongoza, esiwa ngamadolo phambi kwakhe, esithi kuye, Ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. |
41. | UYesu, esikwe yimfesane ke, wasolula isandla, wamchukumisa, wathi kuye, Ndiyathanda; hlambuluka. |
42. | Akutsho, lemka kwaoko kuye iqhenqa, wahlambuluka. |
43. | Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko. |
44. | Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo. |
45. | Ke yena, akuphuma, waqala ukuyivakalisa kakhulu nokuyibhengeza loo ndawo, ngokokude angabi saba nako uYesu ukungena mzini ekuhleni; waba ngaphandle ezindaweni eziziintlango; babesithi beze kuye bevela ngeenxa zonke. |
Mark (1/16) → |