← Luke (5/24) → |
1. | Ke kaloku kuthe, ekubeni zimxinile izihlwele, ziza kuva ilizwi likaThixo, wesuka wema ngasedikeni laseGenesarete. |
2. | Wabona imikhombe emibini imi ngasedikeni apho; babe ke ababambisi beentlanzi bephumile kuyo, behlamba iminatha yabo. |
3. | Wathi ke, engene komnye umkhombe, owawungokaSimon, wamcela ukuba akhe akhwelelise kancinane emhlabeni; waza, ehleli phantsi, wamana ezifundisa izihlwele esemkhombeni apho. |
4. | Akupheza ke ukuthetha, wathi kuSimon, Khwelelisela enzulwini, nihlise iminatha yenu, kubanjiswe. |
5. | Waphendula uSimon wathi kuye, Mongameli, sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha. |
6. | Bathi, bakukwenza oko, bavingcela inkitha enkulu yeentlanzi; wawuqhaqheka ke umnatha wabo. |
7. | Bakhoba amahlulelana abo, abekomnye umkhombe, ukuba eze kuncedisana nabo. Beza, bayizalisa imikhombe yomibini, yada yafuna ukutshona. |
8. | Uthe ke akukubona oko uSimon Petros, wawa emadolweni kaYesu, esithi, Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi. |
9. | Kuba wathi makatha, kwanabo bonke ababenaye, ngobanjiso lweentlanzi ezo bazibambisayo. |
10. | Baba kwanjalo ke noYakobi noYohane, oonyana bakaZebhedi, ababengamadlelane noSimon. UYesu wathi kuSimon, Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu. |
11. | Bakuyifikisa imikhombe emhlabeni, bashiya into yonke, bamlandela. |
12. | Kwathi ekomnye umzi, babona ngendoda ezele liqhenqa; yathi yakumbona uYesu, yawa ngobuso, yamkhunga, isithi, Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula. |
13. | Wasolula isandla, wayichukumisa, esithi, Ndiyathanda, hlambuluka. Lathi kwaoko iqhenqa lemka kuyo. |
14. | Wayithethela yena ngelithi, mayingaxeleli bani. Wathi, Yiya kuzibonisa kumbingeleli, usondeze idini, ngenxa yokuhlanjululwa kwakho, njengoko wamisayo uMoses, kube bubungqina kubo. |
15. | Kwaba kukhona ke luhlakazekayo udaba ngaye; kwaye kubuthelana izihlwele ezikhulu ukuza kuphulaphula, nokuphiliswa nguye ebulwelweni bazo. |
16. | Waye ke yena emana ukuzisithelisa ezindaweni eziziintlango, athandaze. |
17. | Kwathi ke ngamini ithile wafundisa. Kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisi-mthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem; aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise. |
18. | Kwabonakala amadoda ethwele ngokhuko umntu onedumbe; ayefuna ukumngenisa, ambeke phambi kwakhe. |
19. | Athi, akuba engafumani ndawo angamngenisa ngayo ngenxa yesihlwele, akhwela phezu kwendlu, agqobhoza ezifulelweni, amhlisa ndawonye nokhuko, ambeka phakathi, phambi koYesu. |
20. | Akulubona ke ukholo lwawo, wathi kuye, Mntundini, uzixolelwe izono zakho. |
21. | Baqala ukucamanga ababhali nabaFarisi, besithi, Ngubani na lo uthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? |
22. | Eziqiqile ke uYesu izicamango zabo, waphendula wathi kubo, Nicamanga ntoni na ezintliziyweni zenu? |
23. | Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi, Uzixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? |
24. | Ke ukuze nazi, ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. |
25. | Usuke wema kwangoko phambi kwabo, wayithabatha loo nto abelele kuyo, wemka waya endlwini yakhe, ezukisa uThixo. |
26. | Besuka bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, bazala kukoyika, besithi, Sibone izanga namhlanje. |
27. | Ke kaloku, emveni kwezi zinto waphuma, wabona umbuthi werhafu, ogama linguLevi, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. |
28. | Washiya konke, wesuka wamlandela. |
29. | Waza uLevi wamenzela isidlo esikhulu endlwini yakhe. Kwaye kukho iqela elikhulu lababuthi berhafu nelabanye, ababehleli ngasesithebeni nabo. |
30. | Baye ababhali babo nabaFarisi bebakrokrela abafundi bakhe, besithi, Kungani na ukuba nidle nisele nababuthi berhafu naboni? |
31. | Waphendula uYesu wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. |
32. | Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke. |
33. | Ke kaloku bathi kuye, Kungani na ukuba abafundi bakaYohane bazile ukudla futhi, benze nezikhungo; benjenjalo nababaFarisi; kanti ke bona abakho bayadla basele? |
34. | Wathi ke kubo, Ninako yini na ukubazilisa ukudla abegumbi lomtshakazi, xa asenabo umyeni? |
35. | Kodwa kofika mihla awoza asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila ngaloo mihla. |
36. | Ke kaloku wabethetha nomzekeliso kubo esithi, Akukho ubeka isiziba sengubo entsha engutyeni endala; okanye woba ukrazula leyo intsha, sithi nesiziba eso sentsha singavumani nendala. |
37. | Kanjalo akukho utha iwayini entsha ezintsubeni ezindala; okanye yozigqabhuza iintsuba iwayini entsha, iphalale yona, zitshabalale neentsuba. |
38. | Yona iwayini entsha ifanele ukuthiwa ezintsubeni ezintsha zigcinakale ezo zinto zombini. |
39. | Kanjalo akukho uthi, ebesele endala, athande entsha kwaoko; ngokuba uthi, Endala yeyona inencasa. |
← Luke (5/24) → |