| ← Luke (3/24) → | 
| 1. | Ke kaloku, ngomnyaka weshumi elinantlanu wokulawula kukaTibheriyo Kesare, inguPontiyo Pilato irhuluneli kwelakwaYuda, inguHerode umphathi wesahlulo sesine esilelaseGalili, inguFilipu ke umzalwana wakhe umphathi wesahlulo sesine esilelaseYitureya nelizwe leTrakoniti, inguLisaniyo umphathi wesahlulo sesine esilelaseAbhilene, | 
| 2. | ngexa lababingeleli abakhulu ooAnas noKayafa, lafika ilizwi likaThixo kuYohane, unyana kaZekariya, entlango. | 
| 3. | Weza kuwo wonke ummandla waseYordan, evakalisa ubhaptizo lwenguquko ukuze kuxolelwe izono; | 
| 4. | njengoko kubhaliweyo encwadini yamazwi kaIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo. | 
| 5. | Yonke imifula iya kudityelelwa, Nazo zonke iintaba neenduli ziya kuthotywa, Neendawo ezigoso ziya kuthi tye, Nezibugqagala ziya kuba ziindlela ezigudileyo; | 
| 6. | Bonke abantu baya kulubona usindiso lukaThixo. | 
| 7. | Wayesithi ngoko kuzo izihlwele ezaziphuma zisiza kubhaptizwa nguye, Nzalandini yamarhamba, ngubani na owanibonisayo, ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? | 
| 8. | Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko; ize ningaqali nithi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham: kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. | 
| 9. | Kananjalo izembe selibekiwe engcanjini yemithi; ngoko umthi wonke ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni. | 
| 10. | Zaye izihlwele zibuza kuye, zisithi, Masenze ntoni na ke? | 
| 11. | Waphendula ke wathi kubo, Lowo uneengubo zangaphantsi ezimbini, makabele ongenayo: nalowo unokudla, makenjenjalo. | 
| 12. | Kweza ke nababuthi berhafu ukuba babhaptizwe, bathi kuye, Mfundisi, masenze ntoni na? | 
| 13. | Wathi ke kubo, Ningabizi okungaphezu kwenikumiselweyo. | 
| 14. | Ayebuza kuye ke namasoldati, esithi, Masenze ntoni na ke thina? Wathi kuwo, Ningaphangi mntu ngokumoyikisa, ningadli mntu ngokumtyhola; yanelani yimivuzo yenu. | 
| 15. | Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba abantu balindile, becamanga bonke ezintliziyweni zabo ngaye uYohane, ukuba akangebi nguye na uKristu, | 
| 16. | waphendula uYohane kubo bonke esithi, Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo unamandla kunam, endingafanelekileyo ukuba ndiwuthukulule nomtya weembadada zakhe; uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo yena; | 
| 17. | omnyazi wokwela usesandleni sakhe. Uya kusicokisa kuthi tu isanda sakhe, ayibuthele kuvimba wakhe ingqolowa; ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimekiyo. | 
| 18. | Waye ke ngoko evuselela nangezinye izinto ezininzi, eshumayela iindaba ezilungileyo ebantwini. | 
| 19. | Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, ohlwayiwe nguye ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe, nangenxa yezinto zonke ezingendawo abezenzile uHerode, | 
| 20. | wongezelela nale kuzo zonke, yokuba amvalele entolongweni uYohane. | 
| 21. | Ke kaloku kwathi, ekubeni bebhaptiziwe abantu bonke, ebhaptiziwe naye uYesu, ethandaza nokuthandaza, lasuka lavuleka izulu, | 
| 22. | wehla phezu kwakhe uMoya oyiNgcwele, enembonakalo yomzimba onjengehobe. Kweza nezwi eliphuma ezulwini lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguwe. | 
| 23. | Waye uYesu eminyaka ngathi imashumi mathathu ezelwe, ukuqala kwakhe ukufundisa, engobe kusithiwa ngunyana kaYosefu, kaHeli, | 
| 24. | kaMatati, kaLevi, kaMeleki, kaYana, kaYosefu, | 
| 25. | kaMatatiya, ka-Amos, kaNahum, kaEsli, kaNagayi, | 
| 26. | kaMahati, kaMatatiya, kaShimehi, kaYosefu, kaYuda, | 
| 27. | kaYohanan, kaResha, kaZerubhabheli, kaShalatiyeli, kaNeri, | 
| 28. | kaMeleki, ka-Adi, kaKosam, kaElmodam, kaEre, | 
| 29. | kaYose, kaEliyezere, kaYoram, kaMatati, kaLevi, | 
| 30. | kaSimon, kaYuda, kaYosefu, kaYonan, kaEliyakim, | 
| 31. | kaMaleya, kaMina, kaMatata, kaNatan, kaDavide, | 
| 32. | kaYese, kaObhede, kaBhohazi, kaSalemon kaNashon, | 
| 33. | ka-Aminadabhi, ka-Aram, kaHetseron, kaPeretse, kaYuda, | 
| 34. | kaYakobi, kaIsake, ka-Abraham, kaTera, kaNahore, | 
| 35. | kaSerugi, kaRehu, kaPelege, kaHebhere, kaShela, | 
| 36. | kaKenan, ka-Arpakishadi, kaShem, kaNowa, kaLameki, | 
| 37. | kaMetusela, kaEnoki, kaYerede, kaMahalaleli, kaKenan, | 
| 38. | kaEnos, kaSete, ka-Adam, kaThixo. | 
| ← Luke (3/24) → |