| ← Luke (22/24) → |
| 1. | Ke kaloku, wawusondela umthendeleko wezonka ezingenagwele, ekuthiwa yipasika. |
| 2. | Baye ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangathini na ukumbulala, kuba bebesoyika abantu. |
| 3. | Wangena ke uSathana kuYuda, ogama limbi linguSikariyoti, ongowenani labalishumi elinababini. |
| 4. | Wemka, waya wathetha nababingeleli abakhulu nabaphathi betempile, ukuba angathini na ukumnikela kubo. |
| 5. | Bavuya, banqophisana naye ukumnika imali, |
| 6. | wabavumela, wamana efuna ithuba elimlungeleyo lokumnikela kubo, kungekho siphendu. |
| 7. | Wafika ke umhla wezonka ezingenagwele, ekwakumele ukuthi ngawo kubingwe imvana yepasika. |
| 8. | Wesusa uPetros noYohane, wathi, Hambani niye kusilungisela ipasika, ukuze sidle. |
| 9. | Bathe ke bona kuye, Ufuna ukuba siyilungise phi na? |
| 10. | Uthe ke yena kubo, Yabonani, nakungena kuwo umzi lo, nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni, niye endlwini angena kuyo. |
| 11. | Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam? |
| 12. | Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke. |
| 13. | Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika. |
| 14. | Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye. |
| 15. | Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima. |
| 16. | Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo. |
| 17. | Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo. |
| 18. | Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo. |
| 19. | Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula. |
| 20. | Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina. |
| 21. | Kodwa niyabona, isandla sondingcatshayo sinam etafileni apha. |
| 22. | UNyana woMntu okunene uyemka, njengoko kumisiweyo; kodwa ke, yeha, loo mntu angcatshwa nguye! |
| 23. | Baqala bona ukubuzana phakathi kwabo, ukuba ingaba ke nguwuphi na kubo, oza kuyenza le nto. |
| 24. | Ke kaloku kwabakho nokubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu. |
| 25. | Uthe ke yena kubo, Ookumkani beentlanga bayazigagamela; kwanabo benza ngegunya kuzo, kuthiwa ngabancedi. |
| 26. | Ke nina ze ningabi njalo: omkhulu kuni, makabe njengomnci; nongumphathi makabe njengomlungiseleli. |
| 27. | Kuba nguwuphi na omkhulu: ngulowo uhleli esithebeni, ngulowo ulungiselelayo, kusini na? Asingulowo uhleli esithebeni na? Ke mna phakathi kwenu ndinjengomlungiseleli. |
| 28. | Nina ke ningabo basoloko behleli nam ekulingweni kwam. |
| 29. | Nam ndinimisela ubukumkani, njengokuba uBawo endimisele mna, |
| 30. | ukuze nidle, nisele, esithebeni sam ebukumkanini bam, nihlale ezitroneni, nigweba izizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli. |
| 31. | Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. |
| 32. | Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho. |
| 33. | Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni. |
| 34. | Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi. |
| 35. | Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le. |
| 36. | Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele. |
| 37. | Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko. |
| 38. | Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele. |
| 39. | Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe. |
| 40. | Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni. |
| 41. | Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza, |
| 42. | esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo. |
| 43. | Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza. |
| 44. | Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni. |
| 45. | Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo. |
| 46. | Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni. |
| 47. | Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga. |
| 48. | Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na? |
| 49. | Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele? |
| 50. | Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene. |
| 51. | Waphendula ke uYesu wathi, Yekani, kwanele. Wayichukumisa indlebe yakhe, wamphilisa. |
| 52. | Uthe ke uYesu kwabo babemfikele, ababingeleli abakhulu, nabaphathi betempile, namadoda amakhulu, Niphume ninamakrele neentonga na, nanga nize esihangeni? |
| 53. | Bendinani imihla ngemihla etempileni, anolula zandla ngakum; kambe eli lilixa lenu, negunya lobumnyama. |
| 54. | Bambambile ke, bamrhola, bamsa endlwini yombingeleli omkhulu; waye ke uPetros elandela ekude. |
| 55. | Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba babase umlilo phakathi kwentendelezo, behleli phantsi ndawonye, uthe wahlala uPetros phakathi kwabo. |
| 56. | Ke umkhonzazana othile umbonile ehleli ebandezini, wamjonga wathi, Nalo ube enaye. |
| 57. | Wamkhanyela ke yena, esithi, Nkazanandini, andimazi. |
| 58. | Kwakuba mzuzwana, omnye wambona wathi, Nawe ungowabo. Wathi ke uPetros, Mntundini, andinguye. |
| 59. | Kwakuba kuhambe ilixa ngathi linye, omnye uqinisele wathi, Inyaniso, nalo ubenaye; kuba ukwangowaseGalili. |
| 60. | Uthe ke uPetros, Mntundini, andiyazi into oyithethayo. Kuthe kwangoko, esathetha, yalila inkuku. |
| 61. | Yajika iNkosi, yondela kuPetros. Walikhumbula ke uPetros ilizwi leNkosi, njengoko ibithe kuye, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. |
| 62. | Waza uPetros, ephume phandle, walila ngokukrakra. |
| 63. | Aye amadoda ambambileyo uYesu edlala ngaye, emtyakatya. |
| 64. | Athe akuba emgqubuthele, ambetha ebusweni, ambuza esithi, Profeta; ngubani na lo ukubethileyo? |
| 65. | Aye emthethela nezinye izinto ezininzi, enyelisa. |
| 66. | Kuthe kwakusa, yahlanganisana intlanganiso yamadoda amakhulu abantu, nababingeleli abakhulu, kwanababhali, bamrholela entlanganisweni yabo yamatyala, besithi, |
| 67. | Ukuba unguye uKristu wena, sixelele. Uthe ke yena kubo, Ukuba ndithe ndanixelela, anisayi kukholwa; |
| 68. | nokuba ke ndithe ndanibuza, anisayi kundiphendula, anisayi kundikhulula. |
| 69. | Ethabathela kweli xa, uNyana woMntu uya kuba ehleli ekunene kwamandla kaThixo. |
| 70. | Bathi ke bonke, Unguye na ke wena uNyana kaThixo? Uthe ke yena kubo, Nani nithi ndinguye. |
| 71. | Bathi ke bona, Sisabufunelani na ubungqina, kuba thina ngokwethu sivile ngomlomo wakhe. |
| ← Luke (22/24) → |