| ← Luke (20/24) → |
| 1. | Kwathi ngenye imini, akubonÂ’ ukuba uyabafundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, wafikelwa ngababingeleli abakhulu nababhali, kunye namadoda amakhulu. |
| 2. | Bathetha kuye besithi, Sixelele; uzenza ngagunya lini na ezi zinto? Kanjalo ngubani na okunike eli gunya? |
| 3. | Waphendula ke wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye, ize nindixelele ke. |
| 4. | Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma emazulwini, lwaluphuma ebantwini, sini na? |
| 5. | Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? |
| 6. | Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, bonke abantu bosigibisela ngamatye; kuba beyisekile ukuba uYohane ungumprofeti. |
| 7. | Baphendula ngokuthi, abazi ukuba lwaphuma phi na. |
| 8. | Wathi ke uYesu kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. |
| 9. | Ke kaloku waqala wathetha ebantwini lo mzekeliso: Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe umzuzu owaneleyo. |
| 10. | Wathi ngalo ixesha elifanelekileyo, wathuma umkhonzi kubalimi, ukuba bamnike esiqhameni sesidiliya. Basuka ke bona abalimi bamtyabula, bamndulula elambatha. |
| 11. | Waphinda wathuma omnye umkhonzi. Bamtyabula ke nalowo, bamhlazisa, bamndulula elambatha. |
| 12. | Waphinda wathuma nowesithathu. Bathi ke bona bamngxwelerha nalowo, bamkhupha. |
| 13. | Uthe ke umninisidiliya, Ndiya kuthini na? Ndiya kuthuma unyana wam oyintanda; mhlawumbi, bakumbona, bangamhlonela yena. |
| 14. | Bathe ke abalimi, bakumbona, bacamanga bodwa, besithi, Yindlalifa le; yizani siyibulale, ukuze ilifa libe lelethu. |
| 15. | Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Uya kuthini na ke ngoko kubo umninisidiliya? |
| 16. | Uya kufika abatshabalalise abo balimi, asinikele bambi isidiliya eso. Bathe ke bakukuva oko, Mayingabikho loo nto! |
| 17. | Wondela ke kubo, wathi, Yintoni na phofu le ibhaliweyo: Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo? |
| 18. | Bonke abathe bawa phezu kweli litye, botyumka; ke bona elithe labawela, lobabetha bathi saa. |
| 19. | Baza ababingeleli abakhulu nababhali bafuna ukumsa izandla ngelo lixa; boyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingisele kubo lo mzekeliso. |
| 20. | Bamlalela, bathuma iintlola ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli. |
| 21. | Zambuza ke zisithi, Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene. |
| 22. | Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? |
| 23. | Ebuqondile kakuhle ubuqhetseba bazo, wathi kuzo, Nindilingelani na? |
| 24. | Ndiboniseni idenariyo. Inomfanekiso nombhalo kabani na? Ziphendule ke zathi, KaKesare. |
| 25. | Uthe ke yena kuzo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. |
| 26. | Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zamangaliswa yimpendulo yakhe, zathi cwaka. |
| 27. | Kwafika ke kuye abathile bakubaSadusi, bona abo bakuphikayo ukuba kukho uvuko; bambuza, |
| 28. | besithi, Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, Ukuba ozalana nothile uthe wafa enomfazi, wafa ke lowo engenabantwana, maze ozalana naye amzeke umfazi lowo, amvelisele imbewu ozalana naye. |
| 29. | Ke bekukho abantu abasixhenxe bezalana; waza owokuqala wazeka umfazi, wafa engenabantwana. |
| 30. | Nowesibini wamzeka umfazi lowo, wafa naye engenabantwana. |
| 31. | Nowesithathu wamzeka; benjenjalo ke bosixhenxe, bafa bengashiyanga bantwana. |
| 32. | Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi lowo. |
| 33. | Eluvukweni ngoko, ungumfazi wawuphi na kubo? Kuba bosixhenxe bebenaye engumfazi. |
| 34. | Waphendula ke wathi kubo uYesu, Abeli phakade bayazeka, bayendiswa; |
| 35. | ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, abazeki, abendiswa; |
| 36. | kuba abasenakubuya bafe; kuba bengangezithunywa zezulu; kanjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo. |
| 37. | Ke kaloku, le ndawo yokuba abafileyo bayavuka, noMoses wayithi thupha kwindawo ethetha ngetyholo, xenikweni athi, INkosi inguThixo ka-Abraham, inguThixo kaIsake, inguThixo kaYakobi. |
| 38. | AkaThixo ke wabafileyo, ungowabaphilileyo; kuba bonke baphile ngaye. |
| 39. | Baphendula ke abathile bakubabhali, bathi, Mfundisi, utyaphile ukutsho. |
| 40. | Baye ke bengasenabuganga bakumbuza nento le. |
| 41. | Wathi ke kubo, Batsho ngani na ukuthi, uKristu ungunyana kaDavide? |
| 42. | Kanti noDavide yena ngokwakhe uthi encwadini yeeNdumiso, Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, |
| 43. | Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho. |
| 44. | UDavide ngoko umbiza ngokuthi, Nkosi; aze abe ke ngunyana wakhe ngani na? |
| 45. | Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayeva bonke abantu, wathi kubafundi bakhe, |
| 46. | Balumkeleni ababhali, abathandayo ukuhamba ngeengubo ezinde, bathande imibuliso ezindaweni zembutho, nezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nezilili zobukhulu ezidlweni; |
| 47. | abadla izindlu zabahlolokazi, baze ngokunyhwalaza bathandaze uzungu. Abo baya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. |
| ← Luke (20/24) → |