| ← Luke (19/24) → |
| 1. | Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. |
| 2. | Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. |
| 3. | Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba ngesithomo yayimfutshane. |
| 4. | Yagidima ngaphambili, yakhwela kumthombe ukuze imbone; ngokuba ebeza kudlula ngapho. |
| 5. | Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. |
| 6. | Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. |
| 7. | Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni. |
| 8. | Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidle into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kane. |
| 9. | Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham; |
| 10. | kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. |
| 11. | Ke kaloku, bakubon ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. |
| 12. | Wathi ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. |
| 13. | Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. |
| 14. | Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathuma izigidimi emva kwakhe, besithi, Asithandi ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. |
| 15. | Kwathi, akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi abebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. |
| 16. | Wavela ke owokuqala esithi, Nkosi, imina yakho izele iimina zalishumi. |
| 17. | Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. |
| 18. | Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. |
| 19. | Uthe ke nakulowo, Nawe yiba phezu kwemizi emihlanu |
| 20. | Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; |
| 21. | kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. |
| 22. | Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; |
| 23. | ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? |
| 24. | Wathi kwababemi ngakhona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. |
| 25. | Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. |
| 26. | Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako. |
| 27. | Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. |
| 28. | Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem. |
| 29. | Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, |
| 30. | wathi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise. |
| 31. | Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi ukuthetha kuye, Liyafuneka eNkosini. |
| 32. | Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. |
| 33. | Ke kaloku, bakubon ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? |
| 34. | Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini. |
| 35. | Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. |
| 36. | Akubon ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. |
| 37. | Ke kaloku, akubon ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo; |
| 38. | besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; uxolo emazulwini, uzuko enyangweni. |
| 39. | Abathile kubaFarisi esihlweleni apho bathi kuye, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. |
| 40. | Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kungathi kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la. |
| 41. | Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, |
| 42. | esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! Ke kungoku zifihliwe emehlweni akho. |
| 43. | Ngokuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngodonga, zikungqinge, zikuxine ngeenxa zonke, |
| 44. | zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi, kwakho; zingashiyi nelitye phezu kwelitye phakathi kwakho, ngenxa enokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho. |
| 45. | Waza, eye kungena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; |
| 46. | esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange. |
| 47. | Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa. |
| 48. | Baye ke bengafumani nto bangayenzayo; kuba bonke abantu babenamathele kuye, bemphulaphula. |
| ← Luke (19/24) → |