Luke (16/24)  

1. Ke kaloku, wayesithi nakubafundi bakhe, Kwaye kukho umntu othile osisityebi, obenegosa; laza lona lancethezwa kuye, ukuba lingoyichithayo impahla yakhe.
2. Elibizile ke, wathi kulo, Yintoni na le ndiyivayo ngawe? Khawenze ingxelo yobugosa bakho; kuba akusayi kuba saba ligosa.
3. Lathi ke igosa ngaphakathi kwalo, Ndiya kuthini na? Ngokuba inkosi yam iyabuhlutha ubugosa kum; ukumba kundikhohlile; ukungqiba, ndineentloni.
4. O! ndiyayazi into endiya kuyenza, ukuze xa ndithe ndakhutshwa ebugoseni, bandamkele ezindlwini zabo.
5. Libabizele kulo ngabanye abanetyala enkosini yalo, lathi kowokuqala, Unatyala lingakanani na enkosini yam?
6. Uthe ke yena, Likhulu leebhate zeoli. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, uhlale phantsi msinya, ubhale amashumi amahlanu.
7. Emva koko lathi komnye, Wena ke unatyala lingakanani na? Uthe ke yena, Likhulu leekore zengqolowa. Lathi kuye, Thabatha iphetshana lakho, ubhale amashumi asibhozo.
8. Yaza inkosi leyo yalincoma igosa elingalungisiyo, ngokuba lenza ngokuqonda; ngokuba bona abeli phakade kwesabo isizukulwana banokuqonda, ngaphezu kwabo abokukhanya.
9. Nam ndithi kuni, Zenzeleni izihlobo ngabo ubutyebi bokungalungisi, ukuze xa nithe naphelelwa, namkelwe eminqubeni engunaphakade.
10. Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongalungisiyo kokuncinane, akalungisi nakokukhulu.
11. Ukuba ngoko anibanga nakuthembeka ebutyebini bokungalungisi, ngubani na owonithemba kobo buyinyaniso?
12. Nokuba anibanga nakuthembeka koko komnye, ngubani na oya kuninika okukokwenu?
13. Akukho mkhonzi unako ukukhonza nkosi mbini; kuba eya kuyithiya le, athande leya; athi mhlawumbi abambelele kule, ayidele leya; aninako ukukhonza uThixo nobutyebi.
14. Ke kaloku baye beziva ezo ndawo zonke nabo abaFarisi, amathanda-mali; baye bemsinekela ke.
15. Wathi kubo, Nina ningabazigwebelayo emehlweni abantu; kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu; ngokuba oko kuphakanyisiweyo phakathi kwabantu, kulisikizi emehlweni kaThixo.
16. Yayingumthetho nabaprofeti kwada kwakuYohane; kuselokoko, ubukumkani bukaThixo buyashunyayelwa, bonke bayangena kubo ngokugonyamela.
17. Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.
18. Wonke umntu omalayo umfazi wakhe, azeke wumbi, uyakrexeza; nomntu wonke ozeka owalene nendoda, uyakrexeza.
19. Ke bekukho umntu othile osisityebi, obevatha ezibomvu nezelinen ecikizekileyo, esenza imihlali yokuzuka kwakhe imihla yonke.
20. Bekukho ke hlwempu lithile, ligama linguLazaro, elalikhahlelwe esangweni lakhe, lizele zizilonda,
21. linqwenela ukuhluthiswa ngeemvuthuluka eziwa etafileni yesityebi eso; zibe zisithi izinja, zize zikhothe izilonda zalo.
22. Ke kaloku lathi lafa ihlwempu elo, lasiwa zizithunywa zezulu esifubeni sika-Abraham; safa ke nesityebi, sangcwatywa.
23. Size, sikwelabafileyo, siphakamise amehlo aso sisentuthumbeni, simbone uAbraham ekude, ulazaro esesifubeni sakhe.
24. Samemeza sona sathi, Bawo, Abraham, ndenzele inceba, uthume uLazaro, ukuba athi nkxu incam yomnwe wakhe emanzini, aphozise ulwimi lwam; ngokuba ndiyathuthunjelwa kweli langatye.
25. Uthe ke uAbraham, Mntwana wam, khumbula ukuba wena wazifincelela ebomini bakho izinto zakho ezilungileyo, noLazaro ngokukwanjalo izinto ezimbi; ngoku ke yena uyathuthuzelwa, wena ke uyathuthunjelwa.
26. Kananjalo ngaphandle kwale nto yonke, phakathi kwethu nani kuthiwe zinzi umsantsa omkhulu, ukuze aba bathanda ukuphumela, besuka apha besiya kuni, bangabi nako; bathi nabalapho, bangabi nakuwelela kuthi.
27. Sathi, Ndiyakucela ngoko, bawo, ukuba umthume endlwini kabawo; kuba ndinabazalwana abahlanu;
28. ukuba abaqononondise, ukuze bangathi nabo beze kule ndawo yentuthumbo.
29. Athi uAbraham kuso, BanoMoses nabaprofeti, mabeve bona.
30. Sithe ke sona, Hayi, bawo Abraham; ukuba kuthe kwaya kubo ovela kwabafileyo, boguquka.
31. Uthe ke kuso, Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo.

  Luke (16/24)